INCWADI ESISIKHOKELO 1
IMIGAQO ESISIKHOKELO
UCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
UCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Uncitshiso Uphuhliso lukamasipala Imeko-bume ezolileyo lwentlupheko oluhlangeneyo
Ukefezekiswa Uphuhliso lwezoqoqosho Indlela yokuba
Kweenkonzo lwengingqi ngamahlakani
Eziphuculweyo
Uhlanganiso lweendawo
IDP Ulawulo lofezekiso Inkqubo ehlangeneyo nokufezekiswa kwezithembiso
Inkqubo-sakhelo Indlela yokusebenza/ Inkqubo yoqeqesho
Izixhobo/iindlela zokwenza
Umxokelelwano wenkxaso osemthethweni/umgaqo osemthethweni wolawulo locwangciso nofezekiso (PIMSS)
Uphuhliso lwezakhono
INTSHAYELELO
Urhulumente wengingqi ngumthathi-nxaxheba ophambili kwinkqubo yophuhliso yoMzantsi Afrika. Inkqubo yenguqu yokumisela oomasipala abangenamkhethe ngokobuhlanga nabanako ukusebenza linyathelo lobuchule elingundoqo elinokwenza ukuba urhulumente wengingqi azalisekise indima yakhe yophuhliso.
Amanyathelo aphambili ale nkqubo yenguqu ibi ngala:
ukunika inkqubo-sakhelo yomgaqo-nkqubo ecacileyo nekhuthazayo ngoXwebhu lweNkqubo yokusebenza elungele ukusetyenziswa kurhulumente wengingqi;
inkqubo yokwahlula kwakhona ethe yaba neziphumo zoomasipala abanako ukusebenza ; kwakunye nokunika inkqubo-sakhelo entsha esemthethweni kurhulumente wengingqi ngokumisela uMthetho wamaQumrhu ooMasipala kwanoMthetho weMixokelelwano yooMasipala.
Kukhetho lukarhulumente wengingqi obe lubanjiwe ngomhla wesi-5 kuDisemba 2000 isigaba senguqu sifikelele esiphelweni kwaye inkqubo yorhulumente wengingqi ingaqalisa ukusebenza phezu kwesiseko esiluqilima.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lolunye lwezixhobo ezingundoqo khon' ukuze urhulumente wengingqi abe nako ukumelana nendima yakhe entsha yophuhliso. Ngokuchasene nendima edlalwe lucwangciso kwixa eligqithileyo, ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lubonwa ngoku njengomsebenzi wolawulo lukamasipala nanjengenxalenye yenkqubo ehlangeneyo yocwangciso nokufezekiswa kwezithembiso. Inkqubo yeIDP yenzelwe ukuba ifikelele kwizigqibo kwimiba efana nohlahlo-lwabiwo-mali lukamasipala, ulawulo lwemihlaba, inkuthazo kuphuhliso lwezoqoqosho lwengingqi kwakunye nenguqu yezamaziko ngendlela yothetha-thethwano ecwangciswe kakuhle nenobuchule. IziCwangciso zoPhuhliso oluHlangeneyo phofu azizikunika nkcazelo kulawulo lukamasipala kuphela; zifanele ukuba zikhokele imisebenzi yayo nayiphi i-arhente evela kwamanye amacandelo karhulumente, amaqumrhu anika inkonzo, imbutho engekho phantsi kulawulo lukarhulumente kwakunye necandelo labucala elikwingigqi kamasipala.
Kwithuba eligqithileyo lolawulo, inkoliso yamagunya engingqi enguqu ebesele eyinxalenye yokulungiswa kwezicwangciso zeIDP. ( uninzi lwazo lwaphelela ekulungiseleleni ii-LDO). Oku kwenziwa phantsi kweemeko ezinzima.Inkqubo-sakhelo esemthethweni esiqinisekisayo yayingekamiselwa. Uninzi lwamagunya engingqi (AmaBhunga amele iNguqu ngokuthe ngqo), ebengenazakhono zokulawula inkqubo yocwangciso elolo hlobo. Bekungekho ndlela yosetyenziso yocwangciso evavanyiweyo nankqubo yoqeqesho ebanzi necwangcwiswe kakuhle. Nangona kunjalo bonke abo bebethatha inxaxheba kwinkqubo yeIDP yangaphambili bafunde lukhulu kule nkqubo. Kwaye amagunya engingqi ambalwa sele enze inkqubela phambili ebonakalayo ekusekeni indlela yokucwangcisa enokunceda ukuphucula ukufezekiswa okanye ukuphunyezwa kwamaphulo /iiprojekthi neenkqubo.
Ngoku, kanye ngexesha elifanelekileyo kumabhunga asand ' ukukhethwa, inkqubo yenkxaso ezimele ngokupheleleyo seyilungele inkqubo ezayo yeIDP:
Lo mqulu mtsha uyincwadana yesikhokelo yeIDP ethe yaqulunqwa ligqiza lophando elilodwa kwi- DPLG ngenkxaso evela kwi-GTZ, unikeza indlela evavanyiweyo yolawulo locwangciso nofezekiso ngendlela esebenzisekayo elandeleka lula. Iquka izifundo ezifundwe kwinkqubo yeIDP yangaphambili.
Kukho inkqubo yoqeqesho enabileyo kazwelonke yabalawuli boomasipala, amagosa obugcisa, ooceba kwanabo baqeqeshelwe ukucwangcisa, elungiselela abo bangabathathi-nxaxheba abavela koomasipala bonke.
Inkqubo yenkxaso enabileyo kuzwelonke yoomasipala bengingqi (PIMSS) iyasekwa kunye namaziko enkxaso akumgangatho wezithili njengenxalenye engundoqo.
Inani elivisayo loomasipala, i-SALGA, amasebe amaphondo karhulumente wengingqi kwakunye noludwe lwamasebe amacandelo kazwelonke, athathe inxaxheba kule nkqubo eye yazala le ncwadana ingumqulu osisikhokelo seIDP. Ndiqinisekile ke ngoko ukuba ngenxa yoko, le miqulu ipapashiweyo iya kuba yincwadana esisikhokelo eluncedo ekwayinkuthazo kuni nonke nina bayinxalenye yenkqubo ye IDP, kumalinge enu okwenza iIDP isixhobo sokukhawulelana neemfuno zentlalo nezoqoqosho zoluntu lwethu ngokufanelekileyo.
IINCWADANA EZIZIKHOKELO KOLU THOTHO ZIQUKA:
UPHENGULULO NGOKUBANZI:
INCWADANA ESISIKHOKELO YOKU-I: IZIKHOKELO
Inika isikhokelo esisisiseko ngenjongo, iziqulatho, iinkqubo nemiba yezamaziko oCwangciso loPhuhliso oluHlangeneyo. Ezi zikhokelo, ngaphandle kokunika ingcaciso yoMthetho weMixokelelwano yooMasipala wama- 2000, zigqitha ngaphaya kweemfuno ezilindelekileyo nezidweliswe kulo Mthetho.
INCWADANA ESISIKHOKELO YESI-II: ULUNGISELELO
Inika uncedo ekuqulunqeni inkqubo yocwangciso. Ibeka umnwe ekucaciseni iindima noxanduva kumalingiselelo emibutho kwanokumisa ngendlela iinkqubo zocwangciso kwimigangatho eyahlukeneyo.
Inika inkcazelo eneenkcukacha yezigaba zenkqubo ye-IDP nemisebenzi yocwangciso kwisigaba ngasinye kwaneenkcukacha ezizezi:
Injongo ("Kutheni?")
Iziphumo ezifunekayo ("Yintoni?") kunye
Neenkqubo ezicetyisiweyo ("Njani?") kwanemiba yezamaziko (" Ngubani?").
INCWADANA ESISIKHOKELO YESI- IV: IZIXHOBO
Inika iindlela ezahlukeneyo zezixhobo zocwangciso/ ubuchule bocwangciso ukulungiselela imisebenzi yocwangciso engundoqo neengcebiso ekusebenzisekeni kwezixhobo.
INCWADANA ESISIKHOKELO YESI- V: AMACANDELO NEMILINGANISELO
Inika isikhokelo ngendlela yokunxulumanisa ezinye izikhokelo zemigaqo-nkqubo eqhelekileyo (ezingezo ze- IDP) okanye imigaqo-nkqubo yamacandelo kwinkqubo yeIDP.
Inika isikhokelo :
Kuqhagamshelwano kufezekiso locwangciso.
Izixhobo zolawulo lofezekiso.
Izixhobo zolawulo zobeko esweni nokwenza.
IZIQULATHO
KUTHENI KUFUNEKA IMIGAQO ESISIKHOKELO YEZICWANGCISO ZOPHUHLISO OLUHLANGENEYO?
Imeko yomgaqo-nkqubo
Amava ngezicwangciso zophuhliso oluhlangeneyo
Injongo yale migaqo esisikhokelo
Ubume bale migaqo esisikhokelo
INJONGO YEZICWANGCISO ZOPHUHLISO OLUHLANGENEYO LOOMASIPALA
Imikhwa yamazwe ngamazwe kucwangciso loomasipala
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amathandabuzo nokungaqondwa kakuhle
Injongo
UKUQWALASELA IZIKHOKELO ZOMGAQO-NKQUBO KAZWELONKE EZIKHOYO NEMITHETHO-SISEKO YOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Oko kuthethwa liphepha lengxelo-ngaqangi likarhulumente
Oko kuthethwa ngumthetho wophuhliso nobonelelo
Amava ocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo xa kunamhlanje
Ukuhlanganisa izikhokelo zomgaqo-nkqubo nemithetho-siseko kazwelonke
IZINTO EZIBANDAKANYEKILEYO NGOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGANEYO LUKAMASIPALA NGOKWENKQUBO KARHULUMENTE YOCWANGCISO NOPHUHLISO
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imithetho-siseko yomxokelelwano wocwangciso karhulumente
Izikhokelo ngolwabiwo lweendima noxanduva
ULUNGELELWANO KUMACANDELO KAAMSIPALA NOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Inkqubo yokwenza izikhokelo zolungelelwano
Izikhokelo zokulungelelanisa icandelo locwangciso lukamasipala nocwangciso liphuhliso oluhlangeneyo
IINDIMA NOXANDUVA LOOMASIPALA BESITHILI NABENGINGQI
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Izikhokelo zokwahlulwa/zokwabiwa kweendima noxanduva ngokwamanqanaba ezicwangciso
UHLENGAHLENGISO LWAMALUNGISELELO OCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imithetho yokwaba iindima
Izikhokelo zokwabiwa kweendima noxanduva ngokwamanqanaba ezicwangciso
INDLELA YOKWENZA UCWANGCISO NOKULUSEBENZISA
iimfuno zomgaqo-nkqubo nezisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imithetho-siseko yendlela yokucwangcisa
Izikhokelo ekuphenduleni umbuzo othi KANJANI
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imisebenzi nemeko yothatho-nxaxheba kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo
IMIXOKELELWANO YOKUXHASA
Isakhelo esikhoyo somgaqo- nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imithetho-siseko yomxokelelwano wenkxaso yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo
Izikhokelo ngeendima noxanduva
Isakhelo esikhoyo somgaqo- nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Izikhokelo zenkqubo yohlolo/yokuvunywa
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
KUTHENI KUFUNEKA IMIGAQO ESISIKHOKELO YEZICWANGCISO ZOPHUHLISO OLUHLANGENEYO?
IMEKO YOMGAQO-NKQUBO
Xa uMtheo Wenguqulelo Yoorhulumente Bengingqi Local Government Transition Act LGTA/ uLungiso lwesibini 1996wanyanzelisa ukuba oomasipala babe neziCwangciso Zophuhliso Oluhlangeneyo, umgaqo-nkqubo wazo wawulinganiselwe kakhulu. Ngaphezu koko, iimfuneko zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo zazingenela nakwiimfuneko zezicwangciso zeeNjongo Zophuhliso Lomhlaba LOD njengoko zimiselwe nguMthetho Woqikelelo Lophuhliso DFA wowe-1995. Imigaqo yeDFA iye yalungiselela isakhelo esiluncedo somgaqo-nkqubo ngokubhekisele kububanzi bezicwangciso zophuhliso, kodwa ayidluleli ngaphaya koko.
Iinkalo ezingundoqo zomgaqo-nkqubo, isakhelo esisemthethweni nendlela yosetyenziso lweeIDP zamiselwa emva kokuba yayisele iqalisiwe inkqubo yeIDP nenxibelelene namalungiselelo eeLDO. Ezi ziqulethwe liPhepha Lengxelo ngooRhulumente Bengingqi [WPLG, Matshi 1998] njengomgaqo-nkqubo osebenza ngokubanzi, kuMthetho-vavanyo Weenkqubo Zoomasipala MSB], owathi waba nguMthetho opheleleyo ngowe-2000, nakwiNcwadana Yokufundisa Yezicwangciso Zophuhliso Oluhlangeneyo kaSeptemba 1998.
Iphepha Lengxelo lanikela:
Izizathu ezisengqiqweni zobume bocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo njengesixhobo "sophuhliso loorhulumente bengingqi," ngokukodwa kwezi meko:
ukusetyenziswa kwemithombo ukuze kufikelelwe kwiinjongo;
ukuguqulwa kwamaziko oomasipasila (kusetyenziswa izicwangciso zophuhliso ezihlangeneyo njengendlela yolawulo olunobuchule lwamacandelo ahlukahlukeneyo);
intsebenziswano namanye amacandelo oburhulumente; kunye nentsebenziswano ecacileyo phakathi koomasipala nabahlali, ngokuvisisana nomgaqo wokuyimela into.
Uluhlu lwemigaqo-nkqubo ekulindeleke ukuba ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luyilandele, njengokuziqhelanisa neemfuno ezisisiseko, ukunciphisa ubuhlwempu nokuxhasa imeko-bume.
Uluhlu lwezikhokelo zosetyenzo oluquka ukumisela izinto eziza kuqala, utsoliso lobuchule, indlela yokusebenza ezisa ingeniso, ucwangciso lokwexeshana nokusebenza phakathi kwamacandelo amaninzi.
UMthetho Weenkqubo Zoomasipala (MSA), ochaza ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo njengomnye wemisebenzi engundoqo kamasipala ngokobume bophuhliso lwakhe, ujolise ekuchazeni iimfuneko ezisisiseko:
nangokubhekisele kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Ubhekisela kwindima yocwangiso lukamasipala ngaphakathi kobume bubonke bentsebenziswano yoburhulumente. Kwisahluko esithi "Uthatho-nxaxheba Lukawonke-wonke" iMSA ichaza imigaqo, izixhobo neenkqubo zenxaxheba uluntu ngokubanzi olunayo nesebenza, phakathi kwezinye izinto, kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Amanye amaxwebhu amabini asemthethweni nawathi abakho ngenxa yeWPLG ayaluchaphazela ngandlel' ithile ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Umthetho Wemida Yoomasipala waqalisa inkqubo yemida emitsha neyazala ukuncitshiswa ngokuphawulekayo kwenani loomasipala abakhulu ngakumbi nabakwisikhundla esingcono sokuba ngamaziko alawulekayo oorhulumente bengingqi. Umthetho Wobume Boomasipala unika oomasipala bezithili indima ethe chatha ekuxhaseni oomasipala bengingqi ekuyileni ii-IDP.
Yona iNcwadana Yokufundisa Yezicwangciso Zophuhliso Oluhlangeneyo izama ukunikela imigaqo esisikhokelo yosetyenzo lwale nkqubo kubo bonke abo babandakanyekileyo kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ukuze bakwazi ukuhlangabezana nomsebenzi omtsha. Ngokwahlukileyo kumaxwebhu omgaqo-nkqubo nezakhelo ezisemthethweni, yona ayinamimiselo itheni yaye iluncedo. Isebenza njengesikhokelo ekunokusekelwa kuso izifundo zoqeqesho nenkcazelo namacebiso. Kanjalo isenokuqhubeka iphuculwa ngokwamava nobuchule obutsha bokwenza izinto.
Njengoko inkoliso yeLDO/iinkqubo zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo zaqaliswa ngaphambi kokuba esi sakhelo sisandul' ukuveliswa sibekho, umgangatho wenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo neziphumo zayo azizange ziphenjelelwe kuyaphi leli lungiselelo.
KUTHENI KUFUNEKA IMIGAQO ESISIKHOKELO YEZICWANGCISO ZOPHUHLISO OLUHLANGENEYO?
Imeko yomgaqo-nkqubo
Amava ngezicwangciso zophuhliso oluhlangeneyo
Injongo yale migaqo esisikhokelo
Ubume bale migaqo esisikhokelo
AMAVA NGEZICWANGCISO ZOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Kwinkoliso yoomasipala iinkqubo zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo neziphumo zazo, amaxwebhu ezicwangciso, azizange zizifikelele iimfuneko ezisisiseko zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo nolulolobuchule. Le nkqubo yabangela ingxuba-kaxaka enkulu yaye maxa wambi yayibanxunguphalisa abo babandakanyekileyo.
Kunokuba babe zizixhobo zokujamelana neembambano zokwenene zabahlali nemimandla yasekuhlaleni ngendlela yobuchule, yophuhliso nokuziswa kweenkonzo ebantwini, oomasipala abaninzi baphelela nje ekwaneliseni oko kufunwa ngumthetho ngokusebenzisa abacebisi babo ngendlela esabumatshini. Ngenxa yoko iziphumo ngokufuthi yayiba luluhlu olungekho ngqiqweni lokukhetha iintlobo zotyalo-mali nohlobo oluthile lwezicwangciso zokusebenza.
Ezi ntsilelo kungathiwa zabangelwa ngokuyinxenye kukusikelwa umda kobuchule bukarhulumente wengingqi, indlela yosetyenziso entsonkothe ngokugqithisileyo esenokukhuthaza indlela yokusebenza kwezicwangciso ezisabumatshini nokungabikho kweenkqubo zenkxaso ezifaneleyo, nto leyo yanyanzelisa oomasipala abaninzi ukuba baxhomekeke kubacebisi abacebisa ngezicwangciso. Ngaphezu koko, kokubini inkqubo nelungiselelo lwamaziko oorhulumente bengingqi benguqu yayiyinto entsha kubo bonke abo babandakanyekileyo. Noko ke, iintsilelo eziliqela zihlobene nokungabikho komgaqo-nkqubo ocacileyo. Uwiso-mthetho lweenguqu nokudideka okuhambisana nako mayela neeLDO kunye nee-IDP ngokuqinisekileyo yayiyinxalenye yale ngxaki. Kodwa ezinye zeentsilelo ezihlobene nomgaqo-nkqubo, njengoko zichazwe ngezantsi, kusafuneka ziqwalaselwe.
Injongo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo yayingacacanga ngokwaneleyo: kumagunya athile engingqi yathi, ngenxa yokunxibelelana kwayo ngokusondeleyo neeLDO, yagqalwa njengemfuneko ekhethekileyo yesicwangciso esibanzi; kwamanye yayigqalwa njengendlela yothatho-nxaxheba ukuze kufikelelwe kuluhlu lwamaphulo otyalo-zimali ukuze kufumaneke iimali zangaphandle. Phantse akukho ndawo lwalujongwa kuyo njengenkqubo ephambili kamasipala yolwabiwo lwemithombo ekhoyo nefikelelekayo malunga nezinto ezithile zophuhliso ekumele kuqalwe ngazo namacebo obuchule.
Ngenxa yoku isiphumo see-IDP ngokuqhelekileyo yayiba nje luluhlu lwamagama amaphulo emisebenzi kungekho nkcazelo engakumbi engqalileyo nazicwangciso zobuchule zokuphumeza izinto. Kwinkoliso yamaxwebhu ezicwangciso kwakungekho bungqina bokuba kukhe kwaqwalaselwa imigaqo esisikhokelo yophuhliso olubanzi njengokuncitshiswa kobuhlwempu, inkqubela yezoqoqosho okanye ukuxhaswa kwemeko-bume.
Kwakungekho nkqubo icacileyo nekuvunyelwene ngayo yokunxibelelanisa ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kunye nocwangciso lwezinye iinkalo zikarhulumente kunye nocwangciso lwamacandelo. Ngamanye amazwi, ucwangciso lukamasipala lulindeleke ukuba lube yinxalenye yenkqubo yezicwangciso eziqhagamsheleneyo zoburhulumente engekabikho okwangoku. Kwaye akukho ngcaciso yaneleyo yokuncedisa oomasipala baphelise ukudideka abanako ngeemfuneko ezininzi nezisemthethweni zezicwangciso.
Kwakungekho lizwi licacileyo ngendlela ii-IDP zoomasipala beengingqi nabezithili ezifanele ziqhagamshelane ngayo (ngaphandle nje kwento yokuba zifanele zenziwe ngaxesha-nye yaye omnye umele azi ukuba omnye wenza ntoni na). Ngenxa yoku oomasipala beengingqi noomasipala bezithili bazenzela ezabo izicwangciso ngaphandle kokwazisana, okanye oomasipala beengingqi babelinda abezithili.
Kwakungekho ngcamango yamaziko icacileyo nesengqiqweni ephathelele ukwabiwa kwemisebenzi neembopheleleko ngenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Amazwi abonisa amabhongo nangacacanga athi oorhulumente bakamasipala ngabo abamele bbabe ngabanini "nabaqhubi" bale nkqubo ayengafanelekanga ukuphuma emlonyeni wamagunya engingqi angenabo ubuchule bomsebenzi. Ngenxxa yokungabikho kokhokelo kulwabiwo olungqale nolusengqiqweni ngakumbi lwemisebenzi neembopheleleko, abaphathi boomasipala babetyekele ekudluliseleni kwabanye imbopheleleko iyonke yenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Ngokuvisisasna noku umbuzo wenkqubo yenkxaso efanelekileyo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo loomasipala wawungaphendulwanga. Ngaphandle kokhokelo lokuhlela izinto oluvela kumaphondo, abacebisi ngezicwangciso yayikukuphela kwenkqubo efikelelekayo yenkxaso.
Imibuzo esisiseko yosetyenzo ngokubhekisele kwindlela yokwenza izicwangciso ezinjengezi:
iindlela zosetyenzo ezichazayo, ezimiselweyo nezisengqiqweni nxamnye neenkqubo zentsebenziswano, zothetha-thethwano, nezijoliswe kwiimbambano nokwenziwa kwezigqibo;
ukuyilwa konxibelelwano lokuceba, usetyenziso-mali nokufezekiswa kwezinto; kunye nonxibelelwano lwe-IDP nokulawulwa komhlaba, njll, yashiyelwa kumlinganiselo wobugcisa babacebisi. Ayizange izinziswe kumba wokuba ibe ngumgaqo-sikkhokelo.
Inkoliso yoomasipala nabacebisi babo yayingakwazi ukulungelelanisa inkqubo yothabatho-nxaxheba lukawonke-wonke ngendlela enentsingiselo, njengoko kwakungekho lwalathiso.
Iwonga elisemthethweni locwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kusafuneka licaciswe ngokubhekele phaya.
Ngaphandle kokuba ezi mbambano zingundoqo zomgaqo-nkqubo ziyacaciswa, yonke imizamo kwiinkalo zokuphuhlisa ubuchule, ukumiselwa kweenkqubo zenkxaso nokusulungekiswa kwendlela yosetyenzo lwezicwangciso ayiyi kuba nampembelelo itheni kumgangatho weenkqubo zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo neziphumo zazo zophuhliso.
Kukho umsantsa omkhulu ngokweengcamango phakathi komgaqo-nkqubo obanzi weWPLG nemfuneko esisiseko ehazwe kwiMSA kwelinye icala, nokuyilwa kweendlela zosetyenzo ezingqalileyo zezicwangciso njengoko kwandlalwe kwiNcwadana Yokufundisa Yocwangciso Lophuhliso Oluhlangeneyo ngakwelinye icala. Lo msantsa umele uvalwe ukuze urhulumente wengingqi akwazi ukusebenzisa kakuhle isixhobo esilucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
INJONGO YALE MIGAQO ESISIKHOKELO
Injongo yale migaqo esisikhokelo kukuqinisekisa ukuba bonke abo babandakanyekileyo kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo (kuquka abaqeqeshi neengcali ezibandakanyekileyo ekuveliseni izixhobo nasekubhaleni imimiselo) bayayiqonda injongo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, ukwabiwa kwemisebenzi noxanduva, neenkqubo ezimele zilandelwe kolu cwangciso. Oku kuya kubenza bafikelele kwizigqibo zobuchule nezisengqiqweni ngokuphathelele iimbambano eziphambili ebantwini ngeengcebiswano nokuhlanganisana, baze basebenzise imilinganiselo yokucombulula iingxaki ngokukhawuleze ngakumbi nangokufanelekileyo.
Le migaqo esisikhokelo yenye yezinto ezine nezingundoqo ezifunekayo ukuze kwenziwe ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lube sisixhobo esinempumelelo kurhulumente wophuhliso olungakumbi wengingqi. Ezinye izinto zezi: uphuhliso lwendlela yosetyenzo; ulungiselelo lwezicwangciso zoqeqesho; kunye nokumiselwa kwen kqubo yenkxaso.
Iinkalo ekufuneka kuzo imigaqo-nkqubo yokhokelo engakumbi zihlobene neentsilelo ezibalulwe ngasentla. Zakha isiseko sesakhiwo sale migaqo esisikhokelo:
Isahluko 2: Injongo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo loomasipala
Isahluko 3: Ukuqwalaselwa kwezikhokelo nemigaqo kazwelonke kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Isahluko 4: Indlela ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo loomasipala oluchaphazela ngayo iinkqubo ezinxibeleleneyo zoburhulumente kucwangciso lophuhliso.
Isahluko 5: Ukuvumelanisa iimfuneko zocwangciso lwamacandelo nocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Isahluko 6: Ukuqhagamshelanisa iinkqubo zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo phakathi koomasipala bezithili nabeengingqi.
Isahluko 7: Amalungiselelo entlangano ocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kumasipala ngokwakhe.
Isahluko 8: Iinkqubo zenkxaso zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lukamasipala.
Isahluko 9: Indlela yokwenza ucwangciso neyosetyenzo lwalo.
Isahluko 12: Iwonga elisemthethweni lee-IDP.
Ezi nkalo ziye zaba ngumbandela wokuhlalutywa ebudeni benkqubo yovavanyo lwephulo lolingelo lezicwangciso zophuhliso oluhangeneyo. Zimbi zazo zahliwa amahlongwane phezulu ngokucokiseke ngakumbi ngezifundo zophando lwemigaqo-nkqubo engqalileyo.
UBUME BALE MIGAQO ESISIKHOKELO
Injongo yale migaqo esisikhokelo kukunikela ukhokelo nolwalathiso apho luyimfuneko khona. Idlulela ngaphaya kweemfuneko ezisisiseko ezisemthethweni. Injongo kukwenza abo baneembopheleleko bakwazi ukusebenzisa ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo njengesixhobo sophuhliso kurhulumente wengingqi. Le migaqo esisikhokelo iqulunqwe ngokuvisisana nale milinganiselo ilandelayo:
Ukujika-jika: Le migaqo esisikhokelo iya kuvulela ithuba ixesha lokufunda nokufakelwa kweengcamango ezintsha ekwenzeni izicwangciso nokulawula. Isakhelo siya kukhuthaza ukwahluka-hlukana kwezimbo zokucwangcisa, ekubeni iimeko ezingokoqobo zeengingqi zomasipala baseMzantsi Afrika zahlukahlukene.
Umlinganiselo othile wokufana: Le migaqo esisikhokelo kufuneka ibonise ulungelelwano phakathi kokuvulela ithuba lokujika-jika kwisakhelo sayo nokulilinganisela elo thuba ukuze kuqinisekiswe imimandla efanayo, imithetho efanayo, nolwimi olufanayo ngandlel' ithile. Izinga lokufana okuthile kucwangciso loomasipala luxhomekeka kumalungelo alinganayo abantu nangawedemokhrasi kwibutho labo, nangemfuneko yokuba ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lube yinxalenye yelizwe lonke yenkqubo yocwangciso, efuna ukuba kubekho intsebenziswano etyibilikayo phakathi keenkalo ezintathu zikarhulumente enye nenye nakuzo ngokwazo.
Iimfuneko zocwangciso ezifikelelekayo: Le migaqo kufuneka igcine iindleko zocwangciso ziphantsi yaye ikhuthaze nokuba izinto zengingqi zibe zezabantu bengingqi leyo ngokugcina iimfuneko zocwangciso zilula kangangoko kunokwenzeka, kucingelwa ukulinganiselwa kobuncwane nobuchule babasebenzi kwinkoliso yoomasipala. Sekunjalo, kuya kucingelwa nesibakala sokuba ucwangciso olukumgangatho othile luyimfuneko ukuze kuphetshwe ukuchithwa imali kutyalo-mali olungafanelekanga. Ngokuvisisana noku, iindlela zocwangciso zisenokwahluka phakathi koDidi A (oomasipala bezixeko) no-C (abezithili) kwelinye icala, noDidi B (oomasipala bengingqi) kwelinye icala.
Uphuhliso: Urhulumente wengingqi osebenzela uphuhliso, ngokutsho kweWPLG, ngurhulumente wengingqi ozimiseleyo ukusebenza nabemi namaqela kwibutho lasekuhlaleni ukuze kufumaneke iindlela zokuhlangabezana neentswelo zabo zentlalo, zoqoqosho nezinto eziphathekayo nokuphucula umgangatho wabo wobomi. Oku kuyayichaphazela inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo (ekufuneka ibandakanye nowonke-wonke) nesiphumo (ekulindeleke ukuba sihlobane neenjongo zophuhliso ngokubanzi). Injongo yale migaqo esisikhokelo kukufak' isandla ekuguquleni uphuhliso oluyimfuneko lwesicwangciso sophuhliso oluhlangeneyo lube zizikhokelo nolwalathiso olusebenzisekayo.
Ukufezekiswa kwezithembiso: Nayiphi na imigaqo yokhokelo yocwangciso kufuneka ikhumbule ukuba ucwangciso lona ngokwalo alusosiphelo kodwa yindlela yokufikelela kwinkqubo yokuziswa kweenkonzo eziyimfuneko ebantwini, ngokuphumelelayo nangokukhawulezileyo, okuyinto efaneleke ngakumbi. Ngoko ke, ukugcina ikhonkco elisondeleyo nelicacileyo phakathi kokucwangcisa, indlela ephuculiweyo yokulawula uwonke-wonke nokufezekiswa kwezithembiso ngowona mgaqo ubalulekileyo nokhokelayo kule migaqo.
Le migaqo iza kwenza abo babandakanyekileyo kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo bayijonge le nkqubo, kungekhona njengemfuneko yomthetho eluxanduva, koko njengesixhobo solawulo olungcono nokunxityelelaniswa kwenkqubo yokwenziwa kwezigqibo nokufezekiswa kwazo, ngokuphathelele iinkonzo zoluntu neenjongo zophuhliso ngokubanzi kwimbopheleleko yabo.
INJONGO YEZICWANGCISO ZOPHUHLISO OLUHLANGENEYO LOOMASIPALA
Kwiminyaka engaphezu kwamashumi amahlanu emva kokusungulwa kwenkqubo yocwangciso loomasipala eMzantsi Afrika ngeyee-1930, kwiimeko ezininzi ucwangciso kummandla wengingqi:
Lwalulolobugcisa yaye inxaxheba yabanye abantu ababandakanyekileyo njengabemi basekuhlaleni yayincinane okanye ingekho kwa ukubakho;
Lwalujoliswe ekusetyenzisweni okulawulekayo komhlaba ngemimiselo eyahlukahlukeneyo nentsonkothileyo;
Lwaluzixakekise ngokuhambisela phambili iinjongo zenkqubo yoCalucalulo ekukhuthazeni uphuhliso olubanzi, lwentlalo noloqoqosho olusekelwe kwiiyantlukwano yobuhlanga;
Lwalusekelwe kwiimfuno eziqondwayo zamaqela anamalungelo kwibutho labantu;
Lwalusekelwe ubukhulu becala kumacandelo, ezothutho, ukusetyenziswa kwemihlaba nezicwangciso zamalungiselelo okusebenza kwezinto kulungiselelwa ngamasebe kamasipala ngalinye lingenanto yakwenza nelinye;
Lwaluqinile yaye lusebenza ngokweeplani eziyilwe kwangaphambili;
Iimbambano zokuxhaswa kwemeko-bume nokuphuculwa koqoqosho zazingasiwa-so;
Kwakuxhalatyelwe ukuba uphuhliso lokoqobo nokufezekiswa kwezithembiso zezinto ezisiseko lufezwe ngurhulumente;
Iinkalo zophuhliso zezoqoqosho nezentlalo njengokuncitshiswa kobuhlwempu, impilo nentlalo-ntle yasekuhlaleni zazingakhathalelwanga; yaye
Lwalungenalo ilungiselelo lotyalo-mali lwamacandelo angasese.
Ngasekuqaleni kweminyaka yee-1990, amaqonga ahlukahlukeneyo eengxoxo zothetha-thethwano (njengeLocal Negotiating Forum neNational Housing Forum) aqulunqa ingcamango yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo njengendlela yokulwa nale ndlela yocwangciso eshiywe lixesha nengafanelekanga. Kwangaxesha-nye, ingcamango yocwangciso oluhlangeneyo yayiya isamkeleka ngakumbi kumazwe ngamazwe njengendlela yokusabela kucwangciso lweyee-1980 olwaluziintlaba-zahlukane, luyilelwe iinjongo ezithile nolusekelwe kumaphulo athile; inyathelo elisingise kuhlanganiso lwezobugcisa; nenkxalabo ababenayo abo balwela amalungelo emeko-bume ngembono efanelekileyo ngophuhliso.
Izikhokelo zeMigaqo-nkqubo ye-ANC kuMzantsi Afrika Wedemokrasi, 1992 zacebisa ukuba inkqubo entsha yocwangciso loomasipala ifanele:
Iqinisekise ukubandakanywa ngokupheleleyo kwayo yonke imimandla yasekuhlaleni nabo banebango;
Ijoliswe kwabo bangabona baswele kakhulu;
Izabalazele ukuchitha ilungelo, ubume belizwe namaziko enkqubo yoCalucalulo;
Injongo yayo ibe kukuqinisekisa uphuhliso oluhlangeneyo noluzinzileyo; yaye
Itsoliswe ekufezekiseni izithembiso.
Ngowe-1995 kwavela "uCwangciso Lophuhliso Oluhlangeneyo" njengendlela eyahlukileyo yocwangciso kwaye yayiququzelelwa yiOfisi yeRDP naliQonga Lophuhliso Nocwangciso Olunempumelelo Forum for Effective Planning and Development FEPD. I-FEPD yachaza ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ngokuthi: "... inkqubo yocwangciso lothabatho-nxaxheba ejoliswe ekuhlanganiseni ubuchule bokuceba bamacandelo, ukuze kuxhaswe ulwabiwo oluphumelelayo lobuncwane obulinganiselweyo phakathi kwamacandelo nemimandla yelizwe nabemi ngokubanzi ngendlela yokukhuthaza inkqubela ezinzileyo, ukulingana nokuxhotyiswa kwabahlwempuzekileyo nabahlelelekileyo".
Ezi ngcamango zanatyiswa ngakumbi phaya kwi-RDP zikho ku-Mgaqo-siseko kwaye zicaciswe ngakumbi kumaxwebhu ahlukahlukeneyo omgaqo-nkqubo kuquka iWPLG kunye nePhepha leNgxelo ngoCwangciso loPhuhliso. Kanjalo anolutho ngokomthetho ngenxa yokuwiswa kwemithetho enjengoMthetho woNcediso luPhuhliso, 1995, Umthetho weNguqulelo woRhulumente weNgqingqi Umthetho weSibini woLungiso, 1996, Umthetho waMaqumrhu kaMasipala, 1999, kunye noMthetho weMixokelelwano kaMasipala, 2000.
INJONGO YEZICWANGCISO ZOPHUHLISO OLUHLANGENEYO LOOMASIPALA
Imikhwa yamazwe ngamazwe kucwangciso loomasipala
Isakhelo esikhoyo somgaqo-nkqubo nesisemthethweni
Amathandabuzo nokungaqondwa kakuhle
Injongo
IMIKHWA YAMAZWE NGAMAZWE KUCWANGCISO LOOMASIPALA
Ucwangciso lokunikezwa kwabantu amagunya
Amava amazwe ngamazwe abonisa ukuba urhulumente wengingqi wedemokrasi nophuhliso lokwenene ufanele abe nendima ebanzi ekucwangciseni, ekulawuleni nasekuziseni uphuhliso ekuhlaleni.
Iimikhwa yamazwe ngamazwe "yokucinga ngokweemeko zomhlaba wonke nokwenza ngokweemeko zengingqi" iye yaguquka yaba lutyekelo olukhulayo lokuzisa urhulumente ebantwini ngokubanzi, ngokukodwa ucwangciso.
E-Indiya ukulungiswa komgaqo-siseko ngowe-1992 kwaveza ilungiselelo lokugunyaziswa kanobom kwabantu, kuquka ucwangciso lwasezidolophini ukusa kumaqumrhu eengingqi zedolophu.
Onke amagunya asekuhlaleni eJamani kufuneka alungiselele ezawo izicwangciso nangona kufuneka zivisisane nezicwangciso zamanye amacandelo.
E-Malaysia amagunya engingqi alungiselela izicwangciso namaphulo ajamelene neemfuno zengingqi yaye zanelisa izindululo zelizwe.
I-Indonesia inenkqubo yaminyaka le yocwangciso lophuhliso lwengingqi eqala ezantsi inyuke, iqala kumgangatho weelali.
UMgaqo-siseko woMzantsi Afrika wasabela kolu tyekelo ngokudala urhulumente wengingqi njengenxalenye eyahlukileyo, kodwa eqhagamsheleneyo enegunya lokulawula nokuwisa imithetho nomyalelo obalulekileyo wophuhliso. Ezinye zezixhobo eziyintloko zolu hlobo lutsha lorhulumente wengingqi wophuhliso yinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Ukwenza ucwangciso lube lololawulo-melo
Utyekelo lolawulo-melo ehlabathini lonke lugxininisa imfuneko yokwabiwa ngobulungisa nangokulinganayo kobuncwane neenkonzo zidluliselwa kubemi bebonke. Kanjalo olu tyekelo luphumela kuqheliselo locwangciso lothabatho-nxaxheba kwabemi abaqhelekileyo babe nelizwi kwiimbambano zokwenene ezichaphazela ubomi babo.
Ucwangciso lothabatho-nxaxheba luthetha ukuba abantu ngabanye, amaqela neentlangano zifanele zifikelele kwinkcazelo ephathelele uphuhliso yaye zikwazi ukuba nenxaxheba kwiinkqubo zokwenza izigqibo ngemimandla ezihlala nezisebenza kuyo. Injongo yocwangciso lothabatho-nxaxheba ngokuyintloko kukwenza ulawulo-melo lube nzulu yaye kubonisa ukusuka kwingcamango "karhulumente" ukusa kwingcamango "kurhulumente osebenzayo". Abo bakhuthaza ucwangciso lothabatho-nxaxheba bakholelwa ukuba intsebenziswano enkulu ngakumbi phakathi korhulumente wengingqi nabemi uya kuphumela kucwangciso oluphuculiweyo nophuhliso ngokukodwa kumgangatho wasekuhlaleni.
Ngowe-1992, iinkokeli zamazwe ali-179 zasayina isicwangciso somsebenzi somhlaba wonke sophuhliso oluzinzileyo nolwalubizwa ngokuba yiAgenda 21 nolwalusekelwe kwisizindlo sokuba iimbambano zophuhliso zingathi zinikelwe ingqalelo ngokwenene kuphela ngokuba nenxhaxheba nokusebenzisana kwamagunya asekuhlaleni ngokuba nenxaxheba kwiinkqubo zocwangciso lwengingqi. I-Agenda 21 yengingqi icebisa ukuba oomasipala baqalise inkqubo yocwangciso ngokucebisana nabahlali baze bavumelane ngemiba efuna ukuphuhliswa kwimimandla yabo. Igqala uthabatho-nxaxheba ngokubanzi kukawonke-wonke ekwenzeni izigqibo njengenye yeemfuneko ezisisiseko sophuhliso oluzinzileyo.
EMzantsi Afrika, yonke imithetho enxulumene nophuhliso eyathi yawiswa ukususela ngowe-1994 imisela iinkqubo zothabath-nxaxheba ekwenziweni kwezicwangciso. Umthetho iMSA uyichaza ngokutsha ingcamango kamasipala ukuze iquke abemi basekuhlaleni, nto leyo igxininisa imfuneko yokumiselwa ngentsebenziswano kwemiba eza kuqala kuphuhliso lwengingqi.
Iingcamango eziguqukayo ngorhulumente
Sithetha nje utyekelo kukujonga urhulumente njengento enako ukufezekisa izithembiso zeenkonzo ezinikelwa kubemi bawo. Oomasipala bajongwa njengezithuthi zokuphuhlisa uqoqosho lwengingqi, nto leyo ithetha ukuba bafanele badale imeko-bume nezimo ezilungele utyalo-mali nokukhula kwezoqoqosho. Oomasipala bafanele ngokwandayo bafune ukuseka ubuhlakani nabanye abanebango ekunikeleni iinkonzo ngokuqinisekisa intsebenziswano nonxibelelwano nokwakhiwa iimanyano ezijoliswe ekuphuhlisweni kwengingqi.
Kwimeko yaseMzantsi Afrika, uphuhliso loqoqosho lwengingqi lugqalwa njengesiphumo esibalulekileyo senkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Inkqubo yocwangciso kamasipala ifanele idale iqonga lokubeka iimbambano zophuhliso kuxwebhu lwezinto umasipala amele athethe ngazo ngophuhliso yaye idale amathuba okumisela intsebenziswano nobuhlakani ekuxhaseni uphuhliso lwengingqi.
iv. Iphulo lokufikelela kwimo ezinzileyo
Olunye utyekelo lwamazwe ngamazwe, iphulo lokufikelela uphuhliso oluzinzileyo, lukhuthaza ukubaluleka kokuhlanganisa amaxhala emeko-bume neenkqbo zokwenza izigqibo zophuhliso lwentlalo noloqoqosho.
Ngokutsho kweLocal Agenda 21 neHabitat Agenda yamazwe ngamazwe, "uphuhliso lufanele luxhase ubomi basekuhlaleni namandla luze lusasaze iingenelo zophuhliso ngokulinganayo, ukuze ezi ziqhubeke zifumaneka kangangexesha elide". Inkqubela yoqoqosho eqhubekayo ngokuqhelekileyo ijongwa njengengazinzanga ngaphandle kokuba yanelisa kwaye yandisa iinkqubo zemeko-bume nophuhliso lwasekuhlaleni.
Isixeko saseCuritiba kumaZantsi eBrazil siye sanconywa ngokubanzi njengomzekelo wocwangciso oluzinzileyo nangokuthi "sisiXeko esihluphekileyo esisebenza ngokwenene".
Ingxoxo ephathelele uzinzo ihlafunwe kanobomi kumaxwebhu ahlukahlukeneyo asemthethweni nawomgaqo-nkqubo eMzantsi Afrika anjengala:
Uxwebhu Oluqulunqwayo Ngophuhliso Nocwangciso; kunye
Uphando olwenziwa kumazwe ngamazwe ngohlanganiso lusekelwe kuluvo lokuba uhlanganiso oluphuculiweyo luya kuba negalelo ekusetyenzisweni ngokuphumelela nangokufaneleke ngakumbi kobuncwane obunqongopheleyo. Eminye yemizekelo yamazwe ngamazwe yamaphulo ocwangciso oluhlangeneyo yile:
Ukucaciswa kwesiCwangciso Sophuhliso Oluhlangeneyo lweButho Leembacu laseTibet;
isiCwangciso Sophuhliso Oluhlangeneyo Lwezixeko Zeengingqi eThailand;
Iinkqubo Zocwangciso Lophuhliso Oluhlangeneyo Noluphathiswe Abantu eGhana;
Uphuhliso Oluhlangeneyo Lweedolophu Ezincinane Neziphakathi eIndiya; kunye
Uphando olwenziwe eMzantsi Afrika nelifa lawo lenkqubela nophuhliso olungalinganiyo, nemo engokoqobo yawo yeemfuno ezingaphele ndawo nobuncwane obushokoxekileyo, mhlawumbi lunconkothe ngakumbi yaye lucace gca kunayo nayiphi na enye indawo ehlabathini. UMzantsi Afrika awunakufane ukwazi ukuzithwala iimpazamo zophuhliso ezizindleko. Kunoko, kufuneka ufikelele uhlanganiso ngocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ngembono yokubophelela ndawonye ubuncwane obushokoxekileyo belizwe kwindlela evumelanayo nesenjongweni.
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO-NKQUBO NESISEMTHETHWENI
Ngokutsho koMgaqo-siseko (icandelo 152 nele-153), urhulumente wengingqi wongamele inkqubo yophuhliso koomasipala, yaye wongamele ucwangciso loomasipala. Lo myalelo obhalwe kumgaqo-siseko wokuba udibanise ukuphatha, ulwabiwo-mali nemisebenzi yakhe yocwangciso neenjongo zakhe ubonisa ngokucacileyo iinjongo ekwakujoliswe kuzo ngocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo:
ukuqinisekisa ukufezekiswa okuzinzileyo kweenkonzo;
ukukhuthaza uphuhliso lwentlalo noloqoqosho;
ukukhuthaza imeko-bume ekhuselekileyo neyempilo;
ukunikela ingqalelo ephambili kwiimfuno ezisisiseko zabemi; kunye nokukhuthaza ukubandakanyeka kwabemi basekuhlaleni.
I-WPLG iyavumelana nentsingiselo yoMgaqo-siseko njengoko ibhekisela kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ngokucacileyo ngokuthi sisixhobo sophuhliso sikarhulumente wengingqi. Ngaphandle kokuhlobanisa ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo neziphumo zophuhliso zinto ezo ezivisisana kakhulu neenjongo ezichazwe kuMgaqo-siseko, iWPLG yandlala isizathu sokuba ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lugqalwa njengesixhobo sokufikelela ezi njongo. Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luya:
kuncedisa ukulungelelanisa ubuncwane obushokoxekileyo ukuze kusekelwe iinjongo zeenkqubo zezicwangciso ekuvunyelenwe ngazo;
kuqinisekisa ukuba izinto eziza kuqala zivunyelaniswa neentswelo ezingxamisekileyo;
kuqinisekisa uhlanganiso oluyimfuneko namanye amacandelo oburhulumente, luya kuba sisixhobo sonxibelelwano nentsebenziswano nawo; yaye kuba sisiseko sonxibelelwano phakathi kukarhulumente wengingqi namaziko asekuhlaleni/abahlali.
IMSA iyangqina ukuba ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luyimfuneko esemthethweni. Ngokubhekisele kwinjongo yayo ibhekisela kuMgaqo-siseko.
Ngokubhekisele kwisakhelo esisemthethweni neenkqubo, phezu kwalo nje iwonga lalo elisemthethweni, kucacile ukuba ucwangciso lophuhliso loomasipala oluhlangeneyo lona ngokwalo alusona isiphelo, koko lusisixhobo esiyimfuneko sokunceda urhulemente wengingqi afikelele iziphumo okanye iinjongo zakhe zophuhliso.
Izizathu zokudluliselwa kwendima yophuhliso nembopheleleko yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo koorhulumente bengingqi, phezu kwako nje ukulinganiselwa kobuchule babo, zezi:
ukusondela kwakhe ngentelekiso kumaziko asekuhlaleni nabahlali, iindawo neemeko zengingqi; kunye nokuba yindawo efanelekileyo yokunxibelelanisa utyalo-mali kunye nemisebenzi yamacandelo nabantu ababandakanyekileyo abahlukahlukeneyo ngokuvumelana nendawo kunye nexesha.
AMATHANDABUZO NOKUNGAQONDWA KAKUHLE
Phezu kwaso nje isibakala sokuba uMgaqo-siseko, ndawonye neWPLG, zinikela inkcazelo ecacileyo ngenjongo yocwangciso loomasipala lophuhliso oluhlangeneyo, kusekho amathandabuzo ahlukahlukeneyo nokungaqondwa kakuhle phakathi kwabameli borhulumente wengingqi neengcali zocwangciso:
Bambi abantu bayathandabuza enoba kufanelekile kusini na uuchitha ubuncwane obungakumbi nexesha kusenziwa ucwangciso ngoxa abantu belinde ngenkxalabo ukufezekiswa kwezithembiso.
Bambi abantu bayathandabuza enoba kuwufanele na umgudu ukwenza zonke ezi zicwangciso ngoxa phantse kungekho nabuphi na ubuncwane bophuhliso obufumanekayo, ngokukodwa kwinkoliso yoomasipala.
Abanye bayathandabuza enoba ucwangiso ngenene lusisixhobo esiluncedo sokufikelela iziphumo zophuhliso.
Amagosa amaninzi kumaphondo nesizwe basatyekele ekucingeleni ukuba ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luxhomekeke ngokukhethekileyo kulwabiwo-mali nemisebenzi karhulumente wengingqi.
Ngenxa yokuhlobana ngokusondeleyo kwayo neLDO, abantu abaninzi (ngokukodwa amagosa karhulumente wengingqi) anxulumanisa ucwangciso lophuhliso olusondeleyo nocwangciso olubanzi olungenanto yakwenza itheni neembopheleleko zawo. Ngaloo ndlela, ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lushiyelwa kwicandelo elithile.
Koomasipala abaninzi, injongo eyintloko yokuyila ii-IDP (ngaphandle kwesibakala sokuba kuyimfuneko esemthethweni) kukuqulunqa uluhlu lwamaphulo otyalo-zimali ukuze bafune izimali zenkxaso ngaphandle, ngokukodwa amaphulo ezinto ezisisiseko axhaswa ngemali yiDPLG.
Ukutolikwa phosakeleyo okunjalo noku kukhathazeka kubonisa ukuba kusafuneka ingcaciso engakumbi ngenjongo nokuba sengqiqweni kocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ukuze kuqinisekiswe abanye babo babandakanyekileyo ngokufaneleka nokuba luncedo kocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo njengesixhobo sophuhliso lwezenltlalo noqoqosho.
INJONGO
Injongo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kukufezekiswa kweenkonzo ngendlela ekhawuleza nefaneleke ngakumbi nokulungiselela isakhelo sophuhliso loqoqosho nentlalo kumasipala. Kukho amakhonkco amaninzi phakathi kocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo neziphumo zalo zophuhliso, afaneleke ngakumbi, ngokukodwa kumba wokuba oomasipala beneengxaki zemali, ukungxamiseka kokufezekiswa kweenkonzo, nokudala imisebenzi. Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lungaba negalelo ekususeni ilifa lophuhliso langaphambili, ukwenza ingcamango karhulumente wengingqi wophuhliso isebenze nokuqinisekisa intsebenziswano kurhulumente ophemelelayo.
Ukususa ilifa lophuhliso lwangaphambili
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo yindlela yokumisa ngokutsha izixeko, iidolophu nemimandla yethu yasemaphandleni.
Ucwangciso lwexesha loCalulo lwabethelela ingcamango yophuhliso olwahlukahlukeneyo kwiiphethini zophuhliso ezichaseleneyo. Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luza kulungisa le misantsa luze lukhuthaze uzinziso loluntu oluhlangeneyo ngale ndlela:
ukuqinisekisa ukuba bonke abantu bayawaqonda amathuba avulekileyo ophuhliso, iiphethini notyekelo;
ukuvunyelaniswa kwemigaqo yophuhliso neemeko zasekuhlaleni nekhuthaza uphuhliso oluhlangeneyo noluzinzileyo ukwenziwa kwamacebo angqalileyo najoliswe ekumisweni ngokutsha kwezixeko needolophu; kunye nokwenziwa kwesakhelo sophuhliso olubanzi nesinikela imbono ephangaleleyo ngotyalo-mali olucetywa ngurhulumente namacandelo angasese.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo yindlela yokukhuthaza ukulingana kwabantu kwezentlalo.
Inkqubo yocwangciso ivulela ithuba lothabatho-nxaxheba kwaye ivumela nenkqubo zengingqi zolawulo-melo, ukuxhotyiswa nenguqu yemo yezentlalo. Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo iyilwe ngendlela yokuba bonke abo babandakanyekileyo nabanebango babe nelizwi kwiimbambano ezichaphazela ubomi babo.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo sisixhobo sokulwa nobuhlwempu.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lufanele lulungise imisantsa emikhulu kwezentlalo nezoqoqosho njengokucalula phakathi kweedolophu neelali kwakunye neemeko ezimbi ezichaphazela amaqela awayehlelelekile ngenxa yobuhlanga, ubuni, ubudala okanye ukukhubazeka.
Umgaqo-siseko ufundisa ukuba "umasipala umele amise aze aqondise indlela aphethe ngayo nosetyenziso-mali nezicwangciso ukuze into ephambili eqwalaselwayo ibe ziimfuno ezisisiseko zoluntu". Amacebo obuchule, amaphulo nezindululo ezidalwe ngenkqubo yocwangciso lophuhliso olubalaseleyo zimele zivavanywe ngokomkhamo ezifak' isandla ngayo ekuxhobiseni nasekuphuculeni iimeko abaphila phantsi kwabo abo bahlelelekileyo.
Imo elungileyo, ehlangeneyo neyothabatho-nxaxheba yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ibangela ukuba ukuncitshiswa kobuhlwempu kunikelwe ingqalelo ngeenkalo ezininzi. I-IDP ingakwenza oku ngale ndlela:
ukujolisa kwiinkalo ezizezona zifuneka kakhulu;
ukubeka phambili amaphulo ajoliswe kwimeko emaxongo yabahlwempuzekileyo nabahlelelekileyo;
ukuqwalasela imeko yokungabi namhlaba ngokufeza amanyathelo afanelekileyo okubuyiselwa komhlaba;
ukukhuthaza uphuhliso loqoqosho lwengingqi; kunye nokulungiselela izakhelo ezibanzi ezingenisa abahlwempuzekileyo kuqoqosho.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo yindlela yokudala ubutyebi.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lungancedisa ekukhuthazeni uphuhliso lwezentlalo nolo qoqosho ngale ndlela:
ukuxhasa ngeemali ezivela kwamanye amacandelo karhulumente, iintlangano ezinikela ngemali nabatyali-zimali ngokuchaza nokuyila amaphulo nezicwangciso ezinomtsalane;
ukuqinisekisa ukudalwa kwemeko-bume elungele utyalo-zimali lwamacandelo angasese nokukhuthaza ngokubanzi uphuhliso loqoqosho lwengingqi; kunye nokucebisa ukungenela ngokuthe ngqo kuqoqosho, ngokomzekelo, ngokunikela iinkuthazo, ukuvelisa izinto ezisisiseko zophuhliso, nokuthenga, ukuphuhlisa nokuqashisa okanye ukuthengisa umhlaba.
Ukwenza ingcamango yophuhliso lukarhulumente wengingqi isebenze
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lilungiselelo lokuphucula ubomi babantu ngokusekwa kamaphulo nezicwangciso ezihlangeneyo nezizinzileyo.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lwenza iinkqubo ukulungelelanisa lonke uphuhliso namacandelo. Le nkqubo yocwangciso:
ifundisa ngokuqulunqwa kweendlela zocwangciso nophuhliso;
iqinisekisa zonke iinkalo zophuhliso eziqwalasela ukuqulunqwa kwenkqubo yokuhlanganisa nomsebenzi neenkqubo.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lubeka isiseko sokwakha uluntul
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lungumchankcatho wokwakha ngokwengqiqo yokuba uluntu lunokuba nezinto zalo kummandla kamasipala;
ukudala ukwabelwana ngombono kuphuhliso lwekamva kummandla kamasipala;
ukuvulela uwonke wonke ithuba lokuxubusha nokuthengiselana;
ukufikelela kwizinto ekuvanwa ngazo kwinkoliso yezinto ezifuna ubuchule nokubeka phambili uphuhliso lweendawo zikamasipala;
iingxoxo mpikiswano zezopolitika ukuze kufikelelwe kubunye obuxhasa imiba ebekuvunyelwene ngayo;
ukunikela ubudlelane obuqinileyo kuphuhliso no kwabelana ngezinto eziqondwa ngendlela efanayo kwezona zinto ziphambili ezifana nokulwa indlala, ukuphuhliswa korhulumente wengingqi nokuphuhliswa kwemeko yezoqoqosho nokwanelisa imekobume.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lusisakhelo sobuchule sokufundisa ukuphucula ulawulo lukamasipala.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lunikela isakhelo sobuchule sokufundisa ukuphucula ulawulo lukamasipala ngokuthi:
lube likhonkco, luhlanganise lulungelelanise izicwangciso nezinto eziyilwayo zophuhliso, nezinye iindlela izicwangciso nezakhelo zikamasipala;
zisebenza njengesakhe somgaqo nkqu nesiseko apho uhlalo lwabiwo mali lonyaka lomasipala lumele lusekelwe khona;
lusebenza ngengesakhelo sobuchule ukwenza izigqibo kwinkqubo yebhunga;
ukunikela isakhelo sobuchule kwiinkqubo ezisebenzayo njengolawulo lwemicimbi yemali, ukufumana nokusebenzisa ulawulo lemihlaba.
ulungelelwaniso lobuncwane bezemali nobungakanani babantu bakamasipala nokusebenzisa ubuchule, imisebenzi neenkqbubo ukuwazisa nokubeka phambili izidingo zabo babezivinjiwe, nokulungisa izakhiwo ezikhoyo nemisetyenzana yezoqoqosho kumasipala;
ukunceda oomasipala ukuba baqwalasele ukuxhaswa kwendalo nokufezekiswa kwezithembiso nophuhliso lobuchule;
ukunikela imfundiso ecacileyo yolawulo lomphathi kamasipala nebhunga ukunikela ukhokelo nokuqhelisela ukuphatha ngokuphathelele ukudandalaziswa kwezinto neenjongo nosukelo; no kwenza umsebenzi ophunyezwa ngabaphathi, ngokukodwa koomasipala apho kukho iindawo ezimbalwa zokuphatha.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lunguthunywashe kwinguqu karhulumente wengingqi.
Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangenyeyo neenguqu zikarhulumente wengingqi zifana "nenkuku neqanda" ngezinye iindlela. Ezinye iindlela ezilandelwayo zeenguqu ziyafuneka ukuqiniseka ukuphumelela kwamalungiselelo nokusebenza kwenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Noko ke inkqubo yocwangciso izibandakanya nokugqiba ngobuchule nemisebenzi efuna ukulungiswa kokwakhiwa kukamasipala.
Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ifanele isebenzise iindlela eziya kuqinisekisa ukuba oomasipala bayakwazi ukufezekisa izithembiso, imisebenzi neenkqubo eziboniswe ziinkqubo zokucangcwisa. Ezi nkqubo zokucwangcisa ziyakukhulisa iindlela ezaziwayo zenguqu ngokuvisisana nezinto eziphambili neenjongo ukuze zisebenze ngokuzeleyo kuphuhliso lukarhulumente omtsha.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lijelo lokutsala utyalo mali.
Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo iyakuvulela amathuba okuba nentembelo kutyalo mali ngokunaba ngakumbi kwimiba ecacileyo nekuvunyelwene kuyo yezemali nezicwangciso zotyalo mali.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luthetha ukwazisa umasipala, amaphondo, uhlahlo-lwabiwo mali lukazwelonke neenkqubo kunye namaziko anika imali, abahlali bakamasipala nabanina ongowangaphandle ofuna ukutyala imali kummandla kamasipala. Isenokuba ngurhulumente wangaphandle okanye oqukayo wangaphandle wengingqi . Inkqubo yocwangciso ifanele ivelise umsebenzi noyilo olufanelekileyo eliya kukhawulezisa ukukhula nokusetyenziswa kwemali ngamaqumrhu awahlukeneyo. Oku kuya kubangela ukuba inkqubo yocwangciso oluhlangeneyo lwenze izakhelo zotyalo mali ngokwenza usukelo nexesha elimiselweyo lokuphumeza imisebenzi neenkqubo ezithile.
EMzantsi Afrika imali eninzi ikhona ukuze ixhase imisebenzi kwizinga lengingqi enokusetyenziswa. Oku kungenxa yokungabikho koyilo lomsebenzi ofanelekileyo okanye ucwangciso lezoshishino. Abo babolekisa ngemali bezizwe ngezizwe balangazelela uyilo lwemisebenzi. Uhlobo olunjalo loyilo (olungaphaya nje koludwe lweentlokwana zoko kunqwenelwayo) bafuna ucwangciso. Ngalo ndlela, ukufezekiswa kwezithembiso ezibalulekileyo asiyo mali kodwa kukucwangcisa ngendlela efanelekileyo.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lusisixhobo sokuqinisekisa ukuba ubuncwane babiwa ngendela eyiyo.
I-IDPs zenza oomasipala ukuba babeke esikalini iimbopheleleko zabo ngokocwangciso babeke izinto eziphambili zeenkqubo nokunikelwa kobuncwane. Kumbandela wokungalingani okukhulu, i-IDPs zisebenza njengesakhelo sikamasipala sokubeka izinto eziphambili ngokwamanyathelo azo ukuphumeza iimfuno zongxamiseko, ngoxa ukumisela kwezoqoqosho ngokubanzi, nezakhiwo zikamasipala nezentlalo kuhleli kukho.
Apho ubuncwane (bezemali) buyintabalala, ibancinaneka kakhulu imfuneko yokucwangcisa ngokufanelekileyo. Ukanti xa ubuncwane bunqongophele ucwangciso olufanelekileyo luyafuneka ukucingela ukuba obu buncwane bufanele busetyenziswe ngendlela eyiyo neyingenelo. Imigangatho ebekwe kwangaphambili idla ngokuba yeyexabiso elixhomileyo koomasipala, abangenamali. Ukucwangcisa kuzisa izisombululo, ngokuthi zivavanye ezinye iindlela zokusombulula inkqubo yothatho nxaxheba. Uluntu olungamahlwempu alunako ukumelane neemeko apho lungekhoyo ucwangciso. I-IDP incedisa umasipala ekwabeleni ubuncwane igqala indlela exhasayo.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luyinqwelo mafutha ekhawulezisa ukufezekiswa kwezithembiso.
Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lubeka kwindawo efanelekileyo inkqubo yabacebisi ngokuthi:
inkqubo yokwazisa kakuhle, ukukhawulezi, kodwa nokuxhaswa kwenkqubo yokwenza izigqibo;
ukunciphisa ukubambezela ngenxa yokungaboni ngasonye nokungamkelwa ebudeni nokusebenza kwenkqubo;
ukuqiniseka ngolawulo olufanelekileyo nolusemgangathweni nokusetyenziswa kwemali nobuncwane babantu ukuxhasa ukusebenza; no kunciphisa iimeko apho iingxowa mali zabelwa ukwenza iminikelo yenkonzo zingenakusetyenziswa ngexesha elifanelekileyo ngenxa yokungqongophala komsebenzi osemgangathweni nosengqiqweni ocetywayo waza wamkelwe.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lusisixhobo zokuphendula kwezopolitika nentonga yokulinganisa ukusebenza kukamasipala.
I-IDP ibotshelelwe kwixesha leofisi, ngoko ke:
ibhunga likamasipala namabhunga banokuphendula ngenxa yomsebenzi;
uluntu lunokusebenzisa i-IDP njengentonga yokulinganisa ukusebenza kwabezopolitiko; no kuba amabhunga anokuyisebenzisa njengento yokulinganisa ukusebenza kolawulo nokunika imvume yezopolitiko.
Urhulumente wengingqi uya kuthi gqolo acele umngeni ukukhuthaza izigqibo zophuhliso kwimeko yobuncwane obusikelwe umda. Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ifanele inike igunya lengingqi injongo ecacileyo nesakhelo esicacileyo ukukhokela kwizigqibo zophuhliso nokwenza isiseko ukulinganisa ukusebenza kukamasipala.
Ukunyanzelisa urhulumente wobambiswano
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luyindlela yolungelelwano nokulungelelanisa phakathi kwamanqanam karhulumente.
I-IDPs zizixhobo ezibalulekileyo zokuqinisekisa ukuhlangana kwemisetyenzana yorhulumente wengingqi namanye amanqanam okuphuhlisa ucwangciso kwinqanaba lamaphondo, uzwelonke nakwizizwe ngezizwe, ngokusebenza njengesiseko sokunxibelelana nokusebenza kunye.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo luyindlela yolungelelwano nokulungelelanisa phakathi kwinqanaba likarhulumente.
Kanye phakathi kumasipala i-IDP idlala indima yokunikela ngesiseko ukubophelela phakathi kwamagosa, amabhunga, abemi nabanye abanebango. Ekubeni oku kubophelela kuqwalasela izinto ezixhalabisayo njengokwabiwa kohlahlo lwabiwo mali, kufanele kwenze ngaphezulu ngakumbi nje kunokuthetha. Kwixesha elidana noko oku kubophelela kufanele kukhuthaze unxibelelwano oluqinileyo lwasekuhlaleni, nokwenza ubuhlobo obuya kwenza ukuba achazwe ngokutsha "umasipala" kuMthetho wokwenene Weenkqubo zikaMasipala.
Ii-IDP zisebenza ngengesiseko esibophelelayo phakathi kukarhulumente wengingqi nabemi kwizinga lengingqi, nakwabo banebango abahlukeneyo namaqela anomdla. Uthatho- nxaxheba nokuphendula kukarhulumente kuba nentsingiselo kuphela ukuba kuphethe imiba eqinileyo, izicwangciso nokwabiwa kwemithombo.
UKUQWALASELA IZIKHOKELO ZOMGAQO- NKQUBO KAZWELONKE EZIKHOYO NEMITHETHO-SISEKO YOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO.
OKO KUTHETHWA LIPHEPHA LENGXELO-NGQANGI LIKARHULUMENTE
I-WPLG (oko kutsho iPhepha leNgxelo-ngqangi kaRhulumente lorhulumente wengingqi) ngaphantsi kwecandelo B "kuphuhliso lorhulumente wengingqi", ithi zonke izikhokelo zenkqubo yomgaqo kazwelonke zifanelekile kurhulumente wengingqi. Zisekelwe ngokubanzi kumgaqo-siseko nakumgaqo wenkqubo kazwelonke onjengeNkqubo yoKwakha ngokutsha noPhuhliso (RDP) noKukhula, iNgqesho noLwabiwo (GEAR). Zithi zenze isakhelo koko kuqulethwe yiIDP.
Olu phuhliso lwenkqubo yomgaqo olukule ncwadana yokufundisa nemigaqo lunokushwankathelwa ngale ndlela ilandelayo:
Ukufundiswa ngeemfuno zabantu.
Ukulwa indlala kunikelwa ingqalelo ekhethekileyo kwabo bahlelelekileyo neqela elingafumani mathuba nokungabi namkhethe ngokwesini.
Ukulondoloza imeko-bume ekhuselekileyo nenempilo.
Ukukhula kwemeko yezoqoqosho ngokudala imivuzo namathuba engqesho.
Ukubandakanya abahlali, uluntu kwanabo banamabango.
Ukulondoloza iinkonzo, oomasipala nezentlalo.
OKO KUTHETHWA NGUMTHETHO WOPHUHLISO NOBONELELO
I-DFA (oko kutsho uMthetho woPhuhliso noBonelelo) ekubhekiswe kuyo kwi-WPLG, yongezelela eminye imigaqo ebalulekileyo efana nale:
uhlanganiso nentlalo esemgangathweni iidolophu nezixeko (endaweni yeendawo zasezidolophini ezixineneyo);
ukusebenzisa ngokupheleleyo kwezakhiwo ezikhoyo neenkonzo (kunezinto nje ezifana nazo);
nokuqwalaselwa kwemeko yokwexeshana nesisigxina yokuhlala.
Njengoko ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lunegalelo kwezentlalo nakuphuhliso lwezoqoqosho, lumele lunikele ingqalelo kule migaqo.
AMAVA OCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO XA KUNAMHLANJE II-IDP ezininzi ezaphuhliswayo ngowe-1998/1999 azizange zizivelele ezi zizikhokelo nemigaqo, okanye naziphina izibakala zezinto ekubhekiselwe kuzo. Iinkalo ezifana nokwahlukana ngokwentlalo (umz. iqela elihlelelekileyo okanye iyantlukwano ngokwesini), ukukwazi ukuphila ngokufanelekileyo nokuzixhasa zonke ezo zinto akhange zisiweso. Kubonakala ukuba belungekho ulwazi olungendlela yokuqwalasela ezo zikhokelo zenkqubo nemigaqo, kwisicwangciso senkqubo.
UKUHLANGANISA IZIKHOKELO ZOMGAQO-NKQUBO NEMITHETHO-SISEKO KAZWELONKE
Ngaphandle nje kokungena kwiinkcukacha zemigaqo neemfundiso, le migaqo-nkqubo inokunikela ukhokelo nolwalathiso ngeendlela zokuqwalasela uphuhliso lwezikhokelo zomgaqo-nkqubo nemithetho-siseko kucwangciso lukamasipala oluhlangeneyo.
Umthetho- siseko ongeemfuno ezisisiseko zokwazisa ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ufanele unikelwe ingqalelo ngezi ndlela:
ukuchongwa komsantsa obonakalayo wezinto ezisiseko kumele kube yinxalenye yohlalutyo;
ukwahlukana kweemfuno ezahlolwayo ebudeni bokuba nenxaxheba kukawonke wonke kwimeko yezentlalo, ngokwesini nokucalula iimfuno ezisisiseko nezingezosiseko;
ukuqinisekisa ukwaziswa kweemfuno ezisisiseko kuyaboniswa kwiinjongo;
nokuqinisekisa ukuba iindlela ezichanekileyo ngokuphathelele kwiindlela zokulungiselela iimfuno ezinxulumene neenkonzo ezisisiseko.
Namanye amazwi: I-IDP imele inike impendulo engqalileyo ngokomlinganiselo efuna ukuziphucula ngayo iindlela ezifanelekileyo zeemfuno ezisisiseko ukwanelisa abantu.
Umgaqo-nkqubo wezikhokelo zokuliwa kobuhlwempu nokulingana ngokobuni umele unikelwe ingqalelo ngokwenza oku:
ukuquka ukuzinziswa kweengxaki kwiimeko zentlalo nezoqoqosho nokulingana ngokwesini.
nokuchonga amaqela athwaxwa linxele likaKhetsekile namanye amaqela aneengxaki ezikhethekileyo ezimele zisingathwe.
ukukhuthaza ukuba nenxaxheba kwamaqela athwaxwa bubuhlwempu, amaqela aneengxaki ezikhethekileyo, amabhinqa, ulutsha njl., kwinkqubo kawonke- wonke ngabameli abasemthethweni, okanye abantu abafanelekileyo abanolwazi.
ukuzibekela iinjongo ezingqalileyo ezizodwa njengeqela, ngokuqinisekisa ukuba ezi njongo ziyayizinzisa imbambano engobuhlwempu, neembambano zeqela elineengxaki ezinzulu, nocalucalulo olungokwesini;
ukuhlola iindlela ezizezinye ngokuqwalasela igalelo lazo ekusombululeni iingxaki zobuhlwempu nokungalingani ngokwesini;
ukuhlola ezinye iindlela ngokuqwalasela igalelo lokulwa ubuhlwempu nokungabikho kobulungisa ngokwesini;
ukunikela ingqalelo kubuhlwempu nemibandela engokwesini xa kuyilwa imisebenzi (iindleko, indawo, nokufakelwa njl.);
nokuyila inkqubo yoluhlu lwamaxabiso erhafu kunikelwa ingqalelo ekhethekileyo kubuni nakubuhlwempu.
II-IDP zimele ziphendule ngegalelo elilindelekileyo lokusombulula imeko yobuhwempu, ukungabikho kobulungisa ngokwesini nenkxalabo enzulu yengxaki yamaqela, nendlela afuna ukuyizinzisa ngayo umasipala le mibandela.
Imithetho siseko yokuzinza kwemekobume imele ihlanganiswe:
ukubandakanya abo banebango abafanelekayo nemithombo yabantu abaphethe ezemekobume kwiinkqubo zikawonke-wonke ukuqinisekisa ukuba iingxaki nezoyikiso ziyaboniswa kwezi njongo;
ukuhlola ezinye iindlela ngokuqwalasela igalelo lazo kwimekobume nokuqwalasela iinkalo zemeko bume xa kusenziwa uyilo.
Ngamafuphi, ii-IDP zimele ziphendule kumasipala ngendlela aya kujongana ngayo neengxaki zemekobume nokuphepha igalelo elingalunganga kwimekobume.
Izikhokelo zomgaqo-nkqubo zihlobene nokukhuthaza ukukhula kwezoqoqosho, imivuzo namathuba engqesho kufanele ziqwalaselwe ngokwenza oku:
ukuhlalutya imeko yezoqoqosho, imizila nokubanakho ngexesha lolo hlalutyo, ubuncinane kwinqanaba A noC loomasipala (ngokwenqanaba likaB loomasipala lo msebenzi usenokuba mkhulu kakhulu);
ukubandakanya ibutho loosomashishini (kuquka abameli bamaziko angagunyaziswanga) kwinkqubo yokuba nenxaxheba kukawonke-wonke;
ukuqinisekisa ukuba umasipala ngamnye umisela iziko elijongene nezengqesho/iLED njengenxalenye yeIDP (inqanaba B loomasipala isenokunikwa isikhokelo ngokuhlangeneyo ngokweziphaluka ngokwenza iindibano zokufundisana ngokuthobela umyalelo);
ukugqiba ngokwemilinganiselo yokuphucula imeko yamaziko yabatyali zimali babucala nemisetyenzana eyenziwa ngamaziko angagunyaziswanga nokugqiba ngemimandla yeenkonzo zikamasipala zobuhlakani nangamanyathelo okukhuthaza ubuhlakani.
Imigaqo ebandakanya abahlali, ibutho loluntu nabo banebango kuzo zonke iinkqubo zoomasipala iza kuqhutywa ngokweenkcukacha kwisahluko sesi-9 kolu yilo lomgaqo-nkqubo.
Umgaqo weenkonzo ezixhasayo, iindawo zokuhlala noomasipala zimele zisingathwe ngokuthi:
kuhlalutywe iintlawulo zeenkonzo ezahlukeneyo neengxaki nolawulo olufanelekileyo nolwanelisayo lweenkonzo zoluntu ebudeni bolu hlalutyo;
kulungiswe imibandela ephathelele kukuxhaswa ngemali neendleko nokuhlawulwa kweenkonzo ebudeni bokuba nenxaxheba kule nkqubo;
kuyilwe iinjongo ezinikela ingqalelo kuzinzo;
kugqitywe ngezinye iindlela zobuchule ngokusekelwe kwiindlela zokuzixhasa kunikelwe ingqalelo kwinkxaso yemali xa kuyilwa umsebenzi (iinkonzo ezisemgangathweni, njalo njalo.).
Ngamafuphi: ii-IDP zimele zikuphephe ukuzalisa uludwe nje lewminqweno,zimele zibenendlela ecacileyo eza kuziphumeza ngayo iinkonzo zikamasipala nokonga iindleko kangangoko kunokwenzeka, kwimeko efikelelekayo nezinzileyo.
IZINTO EZIBANDAKANYEKILEYO NGOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO LUKAMASIPALA NGOKWENKQUBO KARHULUMENTE YOCWANGCISO NOPHUHLISO
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO-NKQUBO OKHOYO NESISEMTHETHWENI
Umgaqo-siseko ufuna "into ekhethekileyo kodwa izigaba ezixhomekeke esinye kwesinye"
zikarhulumente. Lo nto ithetha ukuthi ingqukumba leyo ebambe iintambo ekucwangciseni le misetyenzana iza kuba luxanduva lwayo, kodwa kwangaxeshanye le misetyenzana nezinye izinto ezicetywayo ezikhokelwayo, ziyahambelana
IWPLG iba yechanekileyo ekwabeni iindima noxanduva, nendlela ezifanele zisebenzelane ngazo. Ifuna indlela efanayo emanyeneyo okanye elungeleleneyo yokusebenzelana, kunendlela nje enye ukusuka entla ukuya ezantsi nokusuka ezantsi ukuya entla. Kolu manyano, ucwangciso lwasekuhlaleni lumele lwaziswe nguzwelonke/ okanye yimigaqo-nkqubo yamaphondo, indlela zokusebenza nemigangatho, kodwa izicwangciso zezinye izigaba zikarhulumente zimele zihlanganiswe kwinqanaba lasekuhlaleni kunikelwa ingqalelo kwiimfuno zasekuhlaleni, izinto izingoondoqo nobuncwane.
Oku kusebenza kwiinkqubo zamaziko ezahlukeneyo. Ngeli xesha iWPLG inikela ubume obucacileyo korhulumente ayitsho ngokungqalileyo ukuba oku kuthetha ntoni kumxokelelwano wophuhliso locwangciso.
IMSA (uyilo13-4-2000) ayinabi, isithi 'umba ocetywayo ngoomasipala umele luhambisane noko kucetywayo ngokophuhliso nezinye zezinto ezichaphazela umasipala, amalungu/imibutho karhulumente yephondo ame kulo umasipala, amalungu kazwelonke ...
Akayidandalazizi le meko yolu lungelelwano enokubonwa kuphela njengenkqubo edibeneyo, njengoko unikwe inkqubo yocwangciso efunwa kuphela yiMSA ingazuzwa njani.
Ithande ukulubeka olu xanduva lolungelelaniso kumasipala ngokumcela alungelelanise isicwangciso ukuba asilungelelananga nezicwangciso zophuhliso neendlela zobuchule zeminye imibutho yombuso.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
kwabalulwa ukwandiswa ukwabelwa kwabaphantsi amagunya okuya kuthi kunike ii-IDP amandla ukuba ziphembelele ukufezekiswa kwezithembiso, okanye/
nokuyila kakuhle nokubethelelwa kwenkqubo yocwangciso yoorhulumente abahlukeneyo enokwenza ii-IDP zibe nefuthe kwezinye izigaba zikarhulumente (kuquka icandelo lamasebe) ngendela ezichitha ngayo iingxowa mali zazo koomasipala.
Ukuba zonke izinto eziyimfuneko azifumaneki, i-IDP iya kufana nesixhobo esingenamazinyo okanye uqheliselo olungenamsebenzi ngokubhekiselele ekufezekisweni kwezithembiso nezinto ezixabisekileyo kwinqanaba lasekuhlaleni.
Ikwakho nenye ingxaki, ngokuphathelele kukwabelwa kwabangaphantsi kwamagunya nenkqubo yokucetywa koorhulumente abahlukeneyo. Ekubeni nje ukuphunyezwa kweIDP
kuxhomekeke kwiindlela ezingachazwanga zokunikela ingxowa mali ukuba isebenze kwimisebenzi eyilwayo, inkqubo yokhuthazo kumabhunga eengingqi iya kungqubana nemithetho ecetywayo. Kunoko kumele kujongwe kwindlela yokonga iindleko njengesisombululo nokwenza iindlela zokhetho zisebenziseke ngeendlela ezifanelekileyo. Le nkqubo yokhuthazo ityhafisa nawaphi na amalinge ngokuba isebenzise kakuhle imithombo yobutyebi enqabileyo.
IMITHETHO-SISEKO YOMXOKELELWANO WOCWANGCISO KARHULUMENTE
Izikhokelo zophuhliso zikazwelonke nemigaqo zifanele zazise ucwangciso lophuhliso ngazo zonke iimeko.
Imeko nganye inendlela yayo eyahlukileyo yemisebenzi yophuhliso nemisebenzi yocwangciso ehambelana nendlela yemisebenzi nommandla wolawulo.
Izidingo, oondoqo nemithombo yabahlali bakamasipala neemeko zengingqi, kuya kufuneka zazise inkqubo yocwangciso kuwo onke amasebe karhululumente nawo onke amacandelo ukuya kufikelela kwindlela yokusebenza okanye ukunikela ngemali kwimisebenzi ekwinqanaba lengingqi.
Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo loomasipala njengesixhobo sokuhlanganisa ukusebenza ngokweszelizwe nexesha ifanele yazise kwaye yaziswe, ngokucetywa kwezinye iizigaba zikarhulumente, kuquka amacandelo/amasebe ocwangciso.
Isivumelwano solungelelwano phakathi kwemithetho-siseko kazwelonke/izikhokelo, iimfuno zezicwangciso ngokwamacandelo (imigangatho yobugcisa bamaphondo) izidingo zengingqi, iimeko nemithombo, zimele ziphunyezwe ngu "mthetho-siseko wemali yelizwe". Ngokwalo mthetho-siseko, izigqibo kumanqanaba awahlukeneyo karhulumente zimele zivumelane kwaye zibophelele. Umzekelo, urhulumente wengingqi umele abe nenxaxheba xa kusenziwa izigqibo ngeenkqubo zikazwelonke okanye zamaphondo nanini na izigqibo zichaphazela imeko yasekuhlaleni. Ezi zigqibo ziyabophelela kwinqanaba lasekuhlaleni kuzwelonke nakumaphondo kwaye kumelwe kwaziswe ingingqi leyo ngendlela ezihlanganiswe ngayo ezi zigqibo. Izigqibo ezilolo hlobo ziza kuhlolwa ukuba ziyavisisana na nezigqibo zikazwelonke okanye zamaphondo, ngamalungu amaphondo okanye kazwelonke apho ingingqi ifanele imelwe.
Le mithetho-siseko ibonisa ukucwangcisa izinto ngomanyano ukusuka kwabo baphezulu nabasezantsi nabo basezantsi nabaphezulu ngendlela yobulumko.
IZIKHOKELO NGOLWABIWO LWEENDIMA NOXANDUVA
Uzwelonke ufanele anike:
Isakhelo secandelo, samaphondo nocwangciso lukamasipala ukuqinisekisa :
ukuba isakhelo sinezikhokelo zomgaqo-nkqubo omnye nemithetho-siseko efanayo;
imigaqo eyandlalwe ngokubanzi ngokuphathelele kumacandelo (amacancelo ekujoliswe kuwo)
iindlela zobuchule ezibanzi ezingendawo (iindawo ekujoliswe kuzo).
Ulungelelaniso nokumiswa ngokubaluleka kodweliso lweenkqubo nohlahlo lwabiwo- mali phakathi kwamacandelo ngokuvisisana nesakhelo.
Ngokwembono yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, ayikho imfuneko yamacandelo amaninzi ophuhliso lukazwelonke. Kodwa linokuba khona icandelo locwangciso lokuzalisa imali, ngenjongo yokunceda uwonke- wonke neenkonzo zamasebe kazwelonke namaphondo.
Isigaba sephondo sifanele sinike:
isakhelo esingqalileyo, oko kukuthi into ehlangeneyo kuwo onke amacandelo amasebe kubo bonke oomasipala equka oku:
indlela yophuhliso yephondo eneenjongo zexesha elimisiweyo nojoliso lokuzalisa imali neenkonzo ezikwelo phondo (kuquka ixesha lemali elimiselweyo nemigangatho nomlinganiselo elungiswe ngokommandla) kwaye ngokwamaphulo amaphondo neenkqubo;
nesakhelo sesithuba sawo onke amacandelo noomasipala.
Isakhelo samaphondo sinokuquka izinto ezingqalileyo zendlu yowiso-mthetho kazwelonke ephathelele kwizinto ezithile ezifunekayo ezichazwe kakuhle ezibonakalayo kwiimeko zeenginqi.
Ulungelelaniso lodweliso lweenkqubo zamacandelo nezithili kunye nolungelelwano phakathi kocwangciso lukamasipala nocwangciso lwamacandelo.
Isigaba sikarhulumente wengingqi sifanele sithabathe iminyaka emihlanu ye IDP njengenxalenye yenkqubo yocwangciso oluhlangeneyo nokufezekiswa kwezithembiso, ephumeza imisebenzi okanye enika iinkonzo kwiindawo zikamasipala ethi ngokufanelekileyo yazise:
ngohlahlo lwabiwo- mali lonyaka lukamasipala;
ngohlahlo lwabiwo-mali neenkqubo zotyalo-mali zamacandelo amasebe (kuzwelonke nakumaphondo) oluphumeza amaphulo okanye lunike iinkonzo phakathi kumasipala;
izicwangciso zamashishini kamasipala;
izigqibo zolawulo lokusetyenziswa komhlaba ;
amagunya asekuhlaleni angawombutho nemixokelelwano yolawulo nokubeka esweni nokusebenza kwemixokelelwano yolawulo.
Iindawo zikarhulumente wengingqi nguyena ndoqo kwindima yophuhliso nocwangciso.
Kwindawo yokhuphiswano yeemfuno zabantu namalungelo aphambili ezi meko zasekuhlaleni zimele zinxulumane, nezikhokelo zikazwelonke namacandelo anikelwe ingqalelo, kwimisebenzi ekhethekileyo neezicwangciso.
IZIKHOKELO KUNXULUMANO PHAKATHI KWEZIGABA ZIKARHULUMENTE NAPHAKATHI KUKAMASIPALA NAMACANDELO OCWANGCISO
Oku kunxulumana kufanele kulandele umthetho-siseko wokuvisisana kwenkcazelo nokuhlolisiswa nokulungelelana phakathi kwezigaba, kunokuba ibe yinkcazelo ecalanye. Inkqubo yolunxulumano imele ibe nezi ngongoma zilandelayo:
Izakhelo zikazwelonke nezamaphondo zibandakanya abameli abasuka kwezinye iindawo zikarhulumente. Ezi zakhelo (ziquka izinto ezifunekayo zocwangciso olusemthethweni zamacandelo awahlukeneyo) ukwazisa ucwangciso lukamasipala.
Imiba efanelekileyo ekhethekileyo yecandelo lamasebe (kumaphondo nakuzwelonke) ukunikela ukhokelo okanye/nokwenza izifundo ngocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Ukudibana kunyanzelekile phakathi koomasipala nabameli abasuka kumaphondo nakumanqanaba kazwelonke oko kuya kulungiselelwa kwizithili/ nakumanqanaba eengingqi.
Ii-IDP (zincanyatheliswe izicwangciso zecandelo ngokweemfuneko) ziya kungeniswa kwiLungu leSigqeba soLawulo (MEC) ukuze urhulumente wengingqi azihlole. Le nkqubo yohlolo iza kuzalisa imisebenzi emithathu eyahlukeneyo:
ukuhlolisisa ukusebenzelana kwezinto ezifunekayo ngokusemthethweni nemigaqo-nkqubo ebalulekileyo yezikhokelo;
ukunika ingxelo ekwinqanaba eliphakamileyo enxulumene neendlela zokusebenza ezikumgangatho oxhomileyo wesicwangciso senkqubo noxwebhu lwe-IDP (njengenxalenye yenkqubo yokufunda)
ukuhlola ukuba amaphulo neenkqubo eziyiliweyo zingenzeka ngokolungelelwano neekomiti ezenziwe ngabameli bamasebe amaphondo nakazwelonke (esekelwe kumagqabantshintshi abhaliweyo).
Ilungu lesigqeba lephondo (iMEC) linokuwaba lo msebenzi lize ngokwemisebenzi yolungelelaniso liwahlulele iikomiti ezincinane kumanqanaba ezithili/eengingqi.
ukuhambisana neemfuneko ezisemthethweni nezomgaqo-nkqubo;
ukwenzeka nokuphila komsebenzi okanye iinkqubo ezilandelwayo; ne nezigqibo ezenziweyo ngokuphathelele kukuhlanganiswa kwezinto eziyiliweyo kumaphondo /kuzwelonke ngamacandelo ohlahlo lwabiwo- mali.
Iziphumo zale nkqubo yolungelelwano zifanele zazise izicwangciso/uhlahlo lwabiwo mali lwamaphondo namacandelo amaphondo abandakanyekileyo.
v. Amacandelo amasebe (amaphondo/kazwelonke) aya kunika imali/okanye aphumeze imisebenzi/iinkqubo ku okanye nomasipala, ngokuhambisana nokuzinikela nangokwabiwa ekuvunyelwene ngako ngeendima noxanduva.
Kuxhomekeke kwimimiselo yephondo elo ukugqiba ukuba ezi ndlela zenziwa ngonxibelelwano olufuna iintlanganiso ezihlangeneyo. Oku kufanele kwenziwe ngomoya wokugcina ulawulo nemigudu ikwinqanaba elilawulekayo.
Le nkqubo yocwangciso iya kuqinisekisa ucwangciso lukamasipala necandelo locwangciso ukuba:
lwazisiwe zizakhelo ezifanayo ezisemthethweni zomgaqo-nkqubo;
ukuvisisana ngokwazisana;
nokwazisa ngohlahlo lwabiwo-mali kucwangciso lwezoshishino lukamasipala nolwamasebe amaphondo nakazwelonke.
ULUNGELELWANO KUMACANDELO KAMASIPALA NOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO-NKQUBO NESISEMTHETHWENI
I-MSA ithi inkqubo yophuhliso imele ihambisane nezicwangciso zamacandelo amaphondo okanye akazwelonke neemfuno zocwangciso. Kukwamiswela nokuba indlela enye yocwangciso, equkayo nayo ifanele ithatyathwe ihlanganiswe kucwangiciso lolawulo.
Icandelo lowiso mthetho kuzwelonke liqulathe iintlobo ezahlukeneyo zezinto ezifunekayo kumasipala ukuze kwenziwe izicwangciso. Iimfuno zamacandelo ziyahluka ngale ndlela ilandelayo:
e Iimfuno ezisemthethweni zokwenza izicwangciso eziqinisekileyo njengezicwangcios zophuhliso lweenkonzo zamanzi.
g Imfuno yokuba ucwangciso luthathwe njengelungu le, okanye inxalenye ye IDP njengeendela zobuchule noko kujoliswe kuko kulwabiwo lwezindlu .
Esi sicwangciso silandelayo sishwankathela iimfuno sisebenzisa ezi zintlu:
Uluhlu lwemfuno Imfuno yecandelo
Imfuno yocwangciso olukhethekileyo Ucwangciso lophuhliso lwamanzi (WSDP), ucwangciso lwezothutho oluhlanganisiweyo (ITP), isicwangciso solawulo lwemeko yogutyulo ehlanganisiweyo (IWMP), Iinjongo zophuhliso lomhlaba (LDO)-ithathwe indawo yazo ziimfuno zezicwangciso zezithuba njengenxalenye ye-IDP.
Igalelo elongeza ixabiso I-Ajenda 21 yengingqi.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
Oomasipala aba bebekade bedidekile kwindlela yokusebenzisa iimfuno zemigaqo engokwasemthethweni nemiyalelo ebambekayo. Bambalwa kakhulu oomasipala abakhe bazama ukwenza ulungelelwano phakathi kweenkonzo zophuhliso zamanzi nocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, umzekelo. Abo bakwenzayo oko bakufumanisa kunzima kakhulu. Okwesibini nokona kuqheleke ngakumbi, ukongezelela kubunzima obuvelayo kwiimfuno ezisemthethweni zecandelo loko kucetywayo, ukuhlanganiswa kwamacandelo akuzange kuphunyezwe. Kwezinye iindawo oku kwakhe kwazanywa kodwa uqheliselo lwamandulo nokungabikho kokusondelelana kwemigaqo yamacandelo kwawenza wantsonkotha umsebenzi lowo. Ukongezelela, ukungabikho okwaneleyo kwemiyalelo yangaphambili egqityiweyo yee-IDP kwafikelela kumba wokuba oomasipala aba abazange bafika kwinqanaba lokujongana nemisebenzi ngendlela yamacandelo.
INKQUBO YOKWENZA IZIKHOKELO ZOLUNGELELWANO
Injongo yolungelelwano lwecandelo
Ilinge lolungelelwano linenjongo yokuba likhokele oomasipala ukuzalisa iinjongo zezicwangciso ezibekwa ngurhulumente kazwelonke kumacandelo amasebe. Eli linge alinyatheli kumba weemfuno ezisemthethweni- liyindlela esetyenziswayo yencwadana yesikhokelo. Lisebenza kwizinto ezisele zikho ezisemthethweni neendlela zenkqubo nangokuthi oomasipala bangazenza iinkqubo zabo zokuceba, kwaye zivisisane neemfuno ezisemthethweni.. Umzamo wolungelelwano unenjongo yokwenza ubudlelwane nengxoxo phakathi kweIDP neenkqubo zokuceba zamacandelo.
Iiimfuno zikazwelonke ezisemthethweni zamacandelo ziyahluka ngokuma. umzekelo ngexesha lokubhalwa:
Isebe leMicimbi yeMihlaba ibingekagqibi ngePhepha lengxelo-ngqangi likarhulumente kuCwangciso loPhuhliso okanye lomthetho wokucwangciswa kwezithuba. Omnye umzekelo ngowokuba ngeli xesha iSebe licacelwe ukuba isicwangciso somhlaba sifuna ukuba sihlanganiswe kwinkqubo yeIDP, kwakungekabikho mgaqo-nkqubo wokucwangciswa kokulungiswa kwemihlaba..
Isebe leMicimbi yaManzi naMahlathi belinawo umthetho ogqityiweyo, izikhokelo zomgaqo-nkqubo, nezixhobo ezixhasa urhulumente wengingqi njengeencwadana zokufundisa namava okuphumeza imisebenzi. Ngaloo ndlela umzamo wokulungelelanisa iinkonzo zamanzi kwizicwangciso zophuhliso neeIDP ziphuhliswe kakuhle.
Isebe lezeMvelo noKhenketho iimfuno zalo ezivumelana neeEIP neeEMP azikayifumani ingenelo kumava okuphumeza izinto ezithile. Igalelo likarhulumente wengingqi belingacacanga. Omnye umzekelo ngokuba abanye osinga macandelo abacwangcisayo basekwimfuno zezinto ezingekazinziswa ngokwenkqubo yomthetho, njengokucwangcisa ukuchitha ioyilie
Ithuba nokusebenza kwezinto ezifunekayo
Iimfuno zecandelo zihlanganiswe kulo mzamo kwithuba likazwelonke. Iimfuno zamaphondo azikasiwaso. Iimfuno zamasebe amathandathu kazwelonke ziye zahlolelwa ulungelelwano kula masebe::
Isebe leMicimbi yaManzi namaHlathi.
Isebe lezoThutho.
Isebe leMicimbi yezeNdalo noKhenketho.
Isebe leMicimbi yeMihlaba.
Isebe loRhulumente wePhondo noweNgingqi.
Noko ke, izikhokelo zibanzi ngokwaneleyo ukuquka iimfuno ezibalulekileyo zamasebe ngendlela efanelekileyo. Oomasipala banokusebenzisa indlela yokwenza kuwo nawaphi na amacandelo njengamalungelo aphambili asekuhlaleni, kunye neemfuno zemveliso ezicwangcisiweyo. Ukuncedisa lo msebenzi, oomasipala banokufuna ukuqwalasela ngokubanzi iindlela ezimbini zala macandelo.
a Okokuqala, loo macandelo athi azifezekise izithembiso, iimveliso okanye ukuqwalasela okujoliswe kuko njengamanzi, izindlu okanye izakhiwo.
b Okwesibini, lawo achubekileyo kwiinkqubo nemigaqo njengezendalo nokucwangcisa izithuba.
Izikhokelo zolungelelwano zicwangcisa iinkqubo kumanqanaba karhulumente, oko kukuthi phakathi kwezinga likarhulumente wengingqi (nangona iimfuno ngokwazo zaqalisa kumgaqo- nkqubo kazwelonke nomthetho). Oko kuthetha ukuthi le ndlela yokwenza ayizange ithethe ngokungqalileyo ngolungelelwano phakathi kwamanqanaba karhulumente, nangona kuye kwebhekiswe kuyo xa olo lungelelwaniso lufuneka ukuze kuleugelelaniswe inkqubo ecwangcisiweyo yecandelo/IDP. Ngamanye amazwi, ulungelelwano lwamanzi, ezothutho okanye kucwangciso lwezindlu inkqubo ye-IDP ithi ibenokuqwalaselwa, ngeli xesha ulungelelwano lwecandelo lezindlu phakathi korhulumente wengingqi nowamaphondo lungasiwaso. Nangona ulungiselelo lokunika inkcazelo ngobukho bezibonenelelo zezindlu lufuneka kwinkqubo ye-IDP, oko kubonisa ucwangciso lwaminyaka le lwezindlu luhlanganiswa neIDP. Ukunxibelelana kuthelekelelwa ukuba kuluxanduva lwamacandelo ngokwawo kunokuba oko kube yinkqubo yeIDP, nangona inkqubo ye-IDP yolungelelwano iya kufaka igxalaba kakhulu kulo mba.
Ulungelelwano lwamacandelo
Isakhelo esikhoyo somgaqo nkqubo nesisemthethweni.
Amava xa kunamhlanje
Inkqubo yokwenza izikhokelo zolungelelwano
I- IDP ifanele iquke izinga elisengqiqweni lobuchwepheshe nolungelelwano nenkcukacha zolungelelwano ukuze iqinisekise ukuba:
indlela yokwenene yothatho-nxaxheba ibandakanya abahlali/abanesakhono ukwenza izigqibo ngezinto zasekuhlaleni, imigangatho, uxanduva neendleko, kunokuyeka nje ukuba izigqibo zenziwe ngoochwepheshe nabezoshishino;
ucwangciso olunobuchule, inxalenye yalo ikukukhetha izinto zobuchwepheshe nezinto zeziko elithile oku kujoliswe kakhulu nasekuqondeni iindleko, ulwaneliseko neemfuno ezisiseko, ukulwa indlala, igalelo elingokwesini, izinto ezingemeko bume neminye imithetho siseko yophuhliso;
ukucwangcisa ukwazisa uhlahlo lwabiwo mali nokunceda ukukhawulezisa nokuphucula ukusebenza, oko kukuthi ukubonisa ngqo ubungakanani, umgangatho, ixesha, iindleko noxanduva.
ukuhlanganiswa kwamacandelo awahlukeneyo nolungelelwaniso oko kufuna ukuba ukucetywa kwenkqubo yomsebenzi kuxhaswe ngamaqela oochwepheshe amelwe kuyo yonke ikomiti ye-IDP ukuxubusha nokulungisa ukuqinisekisa ulungelelwaniso nokuvumelana neenjongo zonke nobuchule; nokuba olo cwangciso lunokuseka inkqubo yolawulo esebenzayo ye-IDP ukuba ibe yelungeleleneyo nenazo zonke iinkcukacha zamacandelo nocwangciso lobuchwepheshe. Kwelinye icala, kukho ukuxhalabela ukuqwalaselwa kokuphunyezwa komsebenzi okufanele kujongwe:
Amaxesha amiselweyo
Asiyiyo yonke imisebenzi enokuba kwizinga elifanayo nenokuba neenkcukacha ezibekelwe ixesha elilinganayo.
Imiqulu yocwangciso
Imiqulu yocwangciso yophuhliso oluhlangeneyo ayifanelanga ukuba ibe nde kakhulu.
Izinto ezicwangcisiweyo kumele zifundeke lula kwimiqulu leyo ukwenzela amacandelo awahlukeneyo ulawulo nokubekwa esweni. Imele isebenze njengomqulu ekubhekiswa kuwo wezopolitiko osetyenziswa ngabo baphetheyo kwamasipala, amabhunga ukwazisa nowonke wonke onomdla, kunokuba ibe ngowabantu abakhethekileyo becandelo.
Ngoko ke i-IDP, ifanele iquke uphengululo olufutshane lawo onke amaphulo neenkqubo ezinoku:
imisetyenzana eyintloko;
ixesha;
neendleko nohlahlo-lwabiwo mali.
IZIKHOKELO ZOKULUNGELELANISA ICANDELO LOCWANGCISO LUKAMASIPALA NOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Amalinge okulungelelanisa inkqubo yeemfuno zocwangciso oluhlangeneyo kunyanzelekile ukuba abenxamnye nokunyuselana amehlo phakathi kokuzalisa iimfuno zomthetho nokuphuhlisa amalungelo aphambili asekuhlaleni. Noko ke, oku kunyuselana amehlo kunako ukoyiswa kunokuthi kophulelwane ngokusebenzisa amabinzana athi "okusemxholweni", ulungelelwano nokuhlanganiswa "nokulungelelana nokuhamba kunye:.
Indlela osingathwa ngayo umba wolungelelwano kwamasipala uxhomekela kwimeko yokufaneleka kwecandelo elo likamasipala. Ukufaneleka kumi ngendlela icandelo eliwusingatha ngayo umbandela wamacandelo awahlukeneyo e-IDP namalungelo aphambili nemisebenzi ye-IDP. Ukuba icandelo okanye iinkalo zecandelo, zinobudlelwane namalungelo aphambili okanye imisebenzi ngoko ke, icandelo liya kuhlanganiswa kwinkqubo yocwangciso yophuhliso oluhlangeneyo. Kule meko, ukuba kukho iimfuneko zomthetho zokucetywa kukumasipala ngokuphathelele kwicandelo, ngoko ezi mfuno zinokuthatyathwa njengenxalenyeyenkqubo ye-IDP. Noko ke, ukuba icandelo okanye iinkalo ezithile zecandelo, ekubeni ke kukho iimfuno zezicwangciso zikamasipala ezingaphathelelanga kumalungelo aphambili nemisebenzi ngoko ke icandelo elihambisana naloo nkqubo icetywayo kuya kufuneka lilungiselelwe lilawulwe kwezi nkalo zecandelo eziwela ngaphandle kwenkqubo ye-
IMEKO A
Ucwangciso lweCandelo oluhlangeneyo
Ucwangciso lwecandelo
IMEKO B
Ucwangciso lweCandelo oluhlangeneyo
Ucwangciso lweCandelo oluhamba nolunye
Esi sicwangciso silandelayo sibonisa indlela icandelo elilungeleleneyo elinokwenzeka ngayo kwinqanaba ngalinye ngokwenkqubo ye-IDP. Oku kunikwe iinkcukacha ngako ngakumbi kwiNcwadana esisikhokelo 3.
Amacandelo ngokubanzi
Amanzi, ulawulo lwezothutho nogutyulo
Inqanaba 1: Uhlalutyo
Ukungena ngokubanzi koondoqo- uhlalutyo lwecandelo apho kukho ukuhambelana noondoqo beIDP.
Uhlalutyo oluqatha lwemiba yamalungelo aphambili kwiinkalo zecandelo elineenkcazelo eziyimfuneko nokuhlalutya iimfuno zamalungelo aphambili e-IDP; isivumelwano senkqubo ehambelanayo apho zonke iimfuno zingafaniyo kuhlalutyo oluqatha lwamalungelo aphambili e-
Ukubandakanyeka kweengcaphephe zokuyila imisebenzi ecetywayo
Iinkqubo ezihlangeneyo zecandelo
Iinkqubo ezihlangeneyo zecandelo
Ukuba semfuthweni kwinguqu
Oomasipala kufanele bahlale beziphaphele iimfuno zamazinga awahlukeneyo, ukuvisisana nalawo sele egqityiwe nokuhlanganisa nenkqubo ezicwangcisiweyo zasekuhlaleni ezibalulekileyo. Kunyanzelekile ukuba bahlale besemfuthweni bayiqonde imithetho nemigaqo yeenkqubo egqibezela iimfuno ezithile ezithe zaphuhliswa ngelo xesha kwakuyilwa le ncwadi yesiKhokelo.
IINDIMA NOXANDUVA LOOMASIPALA BESITHILI NABENGINGQI
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO-NKQUBO NESISEMTHETHWENI
Umthetho owiswayo osebenzayo ufuna ukuba amaBhunga ezithili namaBhunga kaMasipala weNgingqi ukuba enze ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo. Ngokomthetho wokulungiswa kwaMaqumrhu kamasipala, isithili sikamasipala sinoxanduva lokwenza ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kuso sonke isithili sikamasipala, kuquka isakhelo socwangciso lophuhliso oluhlangeneyo sayo yonke imimandla yesithili sikamasipala. Umthetho waMaqumrhu kaMasipala uyaxela kwakhona ukuba isakhelo sibophelela kokubini isithili sikamasipala noomasipala bengingqi kummandla kamasipala.
sichonge ucwangciso neemfuno zezinto ezicwangciswayo ezibophelelayo ngokomthetho kazwelonke namaphondo kumasipala wesithili noomasipala bengingqi.
sixele imithetho-siseko esebenzayo nendlela yokwenza efanele isetyenziswe ngokuphathelele kuloo mibandela;
nokubona imigaqo yokucebisana phakathi kwesithili noomasipala bengingqi kwinkqubo yokuyila ii-IDP nemigaqo echaphazela iinguqu kwisakhelo.
Iimfuno ezingokwasemthethweni zifanelele zibonwe ngokobume bendawo obuthetha ulwalamano phakathi kwamabhunga esithili namabhunga engingqi. Ngoxa kwixesha elidlulileyo ngokubanzi, abo babelawula iindawo ezithile oomasipala bengingqi bedolophu, amabhunga esithili kwiindawo ezisemaphandleni, kamva bebeya kwabelana ngoxanduva kwakwiindawo ezifanayo, ngenxa yokumiselwa okusondeleyo koomasipala. Ucwangciso lwengingqi nocwangciso lwesithili luya kwahluka ngokwezelizwe hayi ngokwendawo. Ulwalamano phakathi kwamaBhunga ezithili namaBhunga kaMasipala weNgingqi lufanele luguquke ngokuphawulekayo.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
Ngeli xa kucacile ukuba ukucwangcisa kwesithili nokucwangcisa koomasipala bengingqi kufanele bazisane, uwiso mthetho alucaci ngendlela oku okumele kulungelelaniswe ngayo.
Kufuneka ukuba oko kubhideka kucaciswe kuze kuphetshwe khon'ukuze amabhunga amatsha abandakanyeke kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Njengoko ulwalamano phakathi kwezikhundla zoomasipala bengingqi noomasipala besithili lusahluka kakhulu kwindawo ngeendawo, izikhokelo zifanele zibe nokujikajika, kodwa ethubeni zifanele ziqiniseke ukuba uhlobo olutsha lolwalamano phakathi kwamabhunga esithili namabhunga engingqi luyamiselwa ngokuvumelana ngolwahlulo olutsha lweendima emva kwendawo.
IMIGAQO ENGOKWAHLULWA KWEENDIMA NOXANDUVA
Kukho iindlela ezine ezibalulekileyo ezifanele zinikelwe ingqalelo ekwehlulweni okufanelekileyo kweendima ezibophelela urhulumente. Unyuselwano mehlo phakathi kocwangciso olusondeleyo ebantwini nokuphumeza ukusetyenziswa kwemithombo yendalo nokusikelwa umda kowemithombo ekhoyo konke oku kushwankathelwa ngale ndlela idweliswe ngezantsi apha:
Ukusondela ebantwini nakwiindawo
Ucwangciso olufanelekileyo lunikela iingqalelo kwizinto zokwenene neemfuno zabantu neemeko zeendawo zasekuhlaleni ezahlukeneyo. Izinga locwangciso kwinqanaba lesithili eMzantsi Afrika olumele lwenzeke iindawo apho kukho abantu abasisigidi nabakumgama ongaphezulu kwe 10 000 km ngokomlinganiselo lukhulu kakhulu kuhlobo olunjalo lwengingqi locwangciso.
Izikhundla neendleko
Oomasipala abaninzi beengingqi bayabulaleka kakhulu ngokwezikhundla. Ngoko ke,
Kuya kuba luncedo ukuba kusetyenziswe ezinye iindlela ezicela umngeni., ezifuna imithombo enqabileyo, kwinqanaba eliphakamileyo kunokuzama ukunikela le mithombo inqabileyo nexabiso layo lixhomileyo kwindawo nganye encinane.
Ukudibanisa ulawulo lokufezekiswa kwezithembiso nenguqu kumaziko
Izigqibo zocwangciso zimelwe ziguqulelwe ekubeni luhlahlo-lwabiwo mali nezicwangciso zamashishini kwabo baphethe ukusebenza kwazo. Inkqubo yokucwangcisa iyakuthetha ukuba nempembelelo ekusebenziseni ulawulo. Ekubeni eli khonkco libalulekile ekuphuculeni ukufezekiswa kwezithembiso, oomasipala bengingqi bafanele babandakanyeke ekucebeni imisebenzi neenkqubo.
Izinga lesithili liya kuba liqonga lengxoxo apha ulungelelwaniso lwengingqi ezahlukeneyo lolungelelwano phakathi koomasipala bengingqi amasebe amacandelo amaphondo/kazwelonke amele abenenxaxheba.
IZIKHOKELO ZOKWAHLULWA KWEENDIMA NOXANDUVA NGOKWAMANQANABA EZICWANGCISO
Umgangatho wokuceba imisetyenzana phakathi kwesithili noomasipala bengingqi uyafuneka ukuqinisekisa ukuba imisetyenzana yokuceba ibakho neemveliso zibakho ngexesha elinye khona ukuze ukusingatha kunye noxanduva koomasipala kuzokuthatyathwa ngabo bonke abo babophelelekileyo, ngexesha elinye. Le indlela yokwenza iza kuphepha ukwenza into efanayo yeenkqubo ezihlangeneyo nokwandisa ukusetyenziswa kwezikhundla esebenzelanayo yoluntu. Iya kuqinisekisa ukucebisana phakathi koomasipala bengingqi noomasipala besithili kwisigqibo esichaphazela nesibabophelela kunye.
Ukwahlulahlulwa kwezona ndima ziziintloko noxanduva koomasipala besithili nabengingqi kucwangciso lamanqanaba kwandlalwe kwesi sicwangciso singezantsi.
Inqanaba locwangciso
Uhlalutyo
Ubuchule
Amaphulo
Ukuvunywa
Kwizinga lengingqi
Ukugqiba ngemiba yasekuhlaleni, iingxaki, ukubonisa isakhono namalungelo aphambili
Ukuchaza umbono wengingqi nezona njongo.
Ukuba nenxaxheba kumsebenzi wokufundisana wendlela yobuchule kwinqanaba lesithili.
Ukugqiba ngeendlela zobuchule ngokwemibandela engundoqo ngokohlalutyo lwenanqanaba lesithili
Ukuyila amaphulo ebhnunga engingqi ngendlela yobuchule nganye
Ukuqulunqa iiNkqubo eziHlangeneyo zengingqi zokulawula uphumezo.
Ukuqinisekisa ukuba i-IDP yamkelwe libhunga lengingqi.
Ukugqiba nezinga lemiba yesithili, iingxaki, ukubonisa isakhono namalungelo aphambili.
Ukuhlanganisa uhlalutyo lweziphumo zesithili noomasipala bengingqi nokuchaza imiba ekuvisiswana ngayo yamalungelo aphambili.
Ukuchaza umbono wesithili neenjongo.
Ukwenza isiganeko sokusebenza ngokuhlangeneyo koomasipala basekuhlaleni nabadlala iindima eziphambili kumaphondo nakuzwelonke ngokuthi balungiselele isakhelo ukulungelelanisa ubuchule.
Ukuyila amaphulo ebhunga engingqi ngendlela yobuchule nganye.
Ukuqulunqa iiNkqubo ezihlangeneyo zesithili zokulawula uphumezo.
Ukulungelelanisa nokuhlola Imali egciniweyo nokusebenza kweenkqubo zomasipala bengingqi nabesithili
Ukuqiniseka ukuba i-IDP yamkelwe liBhunga lesiThili.
Ukulungelelanisa ii-IDP nomasipala kwibhunga lesithili kwimimandla nakumanye amanqanaba karhulumente.
UHLENGAHLENGISO LWAMALUNGISELELO OCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO- NKQUBO NESISEMTHETHWENI
I-WPLG igxininisa imfuneko yenguqulelo kwinkqubo yolawulo lukamasipala ngaphandle kokuceba naluphi na uhlengahlengiso olulungiselelweyo. Ukunikela ingqalelo kwiimeko ezahlukeneyo, kushiyelwa kumasipala lowo ukuba aphuhlise ukucetywa kocwangciso lwamalungiselelo afanelekileyo. Ngokukodwa kuphuhliso lwe-IDP, i-WPLG icinezela ukuba le nkqubo "ingasiwa" kubacebisi, kodwa "ifanele ilawulwe apha koomasipala ukuvulela indlela ucwangciso lobuchule oluhambela phambili kumba wolawulo, nokwakhiwa kolungelelwano nobudlelwane phakathi kwabaphathi nabasebenzi, ukukhulisa ulwalamano oluhle lwemisebenzi" (WPLG, p.28).
Ngeli xa iWPLG ifuna ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ukuba lulawulwe phakathi kumasipala ngaphandle kokuchaza ukuba ngubani iMSA yona ithande ukungqala kulo mba. Ithi Ikomiti Elawulalyo yebhunga likamasipala (okanye uSodolophu, okanye -ukuba abakho bobabini ikomiti enyuliweyo okanye amabhunga) afanele alawule uyilo lwe-IDP luze lwabele olu xanduva umlawuli kamasipala.
Umoya wesakhelo esingokwasemthethweni sezopolitiko ucacile: Ii-IDP zifanele zibe nenxaxheba kulawulo lukamasipala nenkqubo ehlangeneyo yokuceba nokufezekiswa kwezithembiso. Uxanduva oluzeleyo lungaphakathi kumasipala namalungu akhe.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
Oomasipala abaninzi bayazihambisa ii-IDP zabo ukuba le misebenzi isingathwe ngendlela eyahlukileyo kwindlela yenkqubo kamasipala eqhelekileyo. Ulawulo lukamasipala, okanye amabhunga okanye zombini, bezingabandakanyekanga kule nkqubo.
Le ndlela yokusingatha umsebenzi wocwangciso ithe ngokuyinxalenye yabakho ngenxa yokudideka ngokuphathelele kwiindima noxanduva loomasipala. Okungakumbi, oomasipala abaninzi bebexhalabile ngocelomgeni loyilo lwee-IDP ngokwalo, obekunokudlulela ngaphaya kwamandla abo ngokwemigqaliselo yexesha nomgangatho wemfundo. Olu dideko beluphathelele kuukungabiko kwenkcazelo ecacileyo nokwahlula imisebenzi:
yokulawula inkqubo yokucwangcisa nokunika ucwangciso olusemgangathweni neenkonzo ezincedisayo.
Ngeli xa kukhatywa izinto ezilindelweyo ezingekho ngqiqweni eziye zaba luphuhliso lwabacwangcisi, abaphathi boomasipala abaninzi bakuphephile ukumelana nezinto ezicela umngeni zabacwangcisi abalawulayo, nokulungiselela isicwangciso senkqubo.
IMITHETHO-SISEKO YOKWABA IINDIMA
Ukwabiwa kweendima noxanduva olungaphakathi kucwangciso lwenkqubo kamasipala kumele kukhokelwe yimigaqo yedemokhrasi kwelinye icala, ize ibe yimigaqo ekhokelayo enjongo yayo ijoliswe kwinkqubo ehlangeneyo yokuceba nokufezekisa izithembiso.
Idemokhrasi entsha eMzantsi Afrika imela udityaniso phakathi kwenkqubo emela idemokhrasi , apho amalungu anyuliweyo njengamabhunga amele enze isigqibo okanye avumele izigqibo, aze asebenzisane , athethathethane ngohlobo lwedemokhrasi, apho izigqibo ekufikwa kuzo zifuna ingxoxo kawonke-wonke neenkqubo zothethathethwano. Kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo oku kusebenzisa idemokhrasi kuthetha ukuba:
inkqubo ayiyonkqubo yokucwangcisa kurhulumente kamasipala, kodwa liqonga lengxoxo apho iingxoxo nothethathethwano lwenziwa khona ngabantu abahlukeneyo abanebango kumasipala, nokwenza isigqibo sokugqibela nokubopheleleka kwibhunga likamasipala njengequmrhu elinyuliweyo elifanele liphendule kuwonke wonke ngokusebenza kwemithombo kawonke wonke.
Ukumiselwa kwenqkubo ehlangeneyo yokucwangcisa nokufezekisa izithembiso (okanye ukucwangcisa nokulawula ukusebenza) kufuna ukubandakanyeka okuzeleyo kwabo baphathi balawulayo kwinkqubo yocwangciso lukamasipala.
Kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo oku kuthetha ukuba:
le nkqubo imele iphathwe ngumntu osuka phakathi kurhulumente kamasipala, omela uMlawuli kaMasipala (CEO), owabelwe amandla okuba afumane bonke abasebenzi abafanelekileyo ngaphakathi kwibhodi karhulumente kamasipala, nokuba kufanele kubekho amacandelo ahlukeneyo ekomiti ye-IDP okanye iqela labasebenzi emele iquke iintloko zamasebe kamasipala kwaye ubuncinane ibe ngabo masipala bahlala kwiKomiti Ephetheyohi njengesisekoi sokwenza inguqu kwiziko kulawulo lukamasipala.
Ngaphandle kokuba ziye zazalisekiswa izinto kwangaphambili, ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lunokuba nethuba elincinane kakhulu lokuba sisixhobo esisebenzayo kulawulo lwabantu nophuhliso lorhulumente wengingqi.
IZIKHOKELO ZOKWABIWA/ZOKWAHLULWA KWEENDIMA NOXANDUVA
Ukwahlulwa kweendima noxanduva kunokwahluka phakathi kweentlobo zoomasipala, ngokokufumaneka kwabantu nemithombo yeziko elo. Ukuba nje kuhambelana nemithetho-siseko, ukunikezwa kweendima noxanduva kubantu abadlala iindima eziphambili kunokuba nomahluko kancinane. Ngaphaya koko, indima ecetywayo yokwahlulwa iya kusebenza njengencwadana esisikhokelo kuluhlu B loomasipala.
Abadlali-ndima
Iindima noxanduva
Ibhunga likamasipala
Amabhunga
Ibani Ukudibanisa ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo namaqela abavoti/iiwadi
Ukwenza isigqibo ngesicwangciso senkqubo; ukonyula abantu abaphetheyo; ukubeka esweni isicwangciso senkqubo
Ulawulo nolungelelaniso lulonke uxanduva (ukuqinisekisa ukuba bonke abasemxholweni bayabandakanyeka)
UkulaUkulawula imicimbi yemihla ngemihla yokuyila inkqubo endaweni yoMlawuli kaMasipala
Ukuq(ukuqinisekisa ukuba le nkqubo ilawulwa kakuhle nangendlela elungeleleneyo)
ukunukunika imveliso ephathelele kumanyathelo awahlukeneyo okuceba ukus ukushwankathela/ukwetyisa/ukuqhubela phambili iimveliso ezivela kwinkqubo yothatho-nxaxheba ingxu ingxoxo /ukwenza amagqabantshintshi ngeemveliso ezivela kubacebisi okanye abanye abaqeqeshelwe umsebenzi ngokukhethekileyo
Oku k Oku kusenokuba kusuka kulawulo lukamasipala okanye kwikontraka
Indlel Indlela yesikhokelo/ ukuncedisa ukucwangcisa iindibano zokufundisana/ ukwenza imiqulu/ izifundo ezikhethekileyo
Iingcali zocwangciso zisesenokuthabatha indawo "kanobhala"
Amag Amagosa kaMasipala ama amagosa angoochwepheshe, iintloko zamasebe
Ukus Ukusebenzisa ubungcali/kwicandelo nenkcazelo
Uk yo Ukulungiselela uyilo lwephulo elicetywayo.
Lum Lumela izinto abanomdla kuzo nokuba negalelo kulwazi nakwiingcamango
INDLELA YOKWENZA UCWANGCISO NOKULUSEBENZISA
IIMFUNO ZOMGAQO- NKQUBO NEZISEMTHETHWENI
Ngokwe WPLG, indlela yokusebenzisa ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kukunceda oomasipala ukuzaliza uphuhliso lomsebenzi ngokuthi:
ubancede baqonde ingcamango ezintsha ezisetyenziswayo kummandla wabo;
ukubacela ukuba bavumelane ngombono ohlanganisiweyo oqinileyo wommandla;
ukuba baphuhlise ubuchule bokuphumeza oko kube kumbono benngamahlakani nabanye abanebango;
ukuba balungelelanise imithombo yezemali neyeziko emva kwenjongo yomgaqo- nkqubo nodweliso lweenkqubo;
ukuqinisekisa ukuhlangana kwemisetyenzana karhulumente wengingqi namanye amanqanaba ocebo ocwangciso lophuhliso, ngokusebenza njengesiseko sokuhlangana nangokuqhakamshelana;
ukusebenza njengesiseko sokuzibophelela phakathi kukarhulumente wengingqi nabemi;
nokuvumela oomasipala babeke phambili iinkqubo nokunikela ngobuncwane.
Ngamafuphi: Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lufuna ukuba lucetywe kakuhle, luhlalutywe, kusetyenziswe iindela zobuchule kwaziswe kwaneenjongo zokwenza isigqibo kwimiba ephathelele kukuphuhliso lukamasipala. I-WPLG iceba amanyathelo enkqubo ecwangcisiweyo:
Ukuhlola imeko eqhubekayo ngoku yezentlalo, uqoqosho nezinto zokwemvelo zokwenene kummandla kamasipala-izinto zokwenene eziqhubekayo.
Ukugqiba ngeemfuno zoluntu ngokucebisana okusondeleyo .
Ukubeka phambili ezi mfuno ngokoludwe longxamiseko nangokubaluleka ngokwexesha elide.
Uphuhliso lesakhelo esihlanganisiweyo nezinto ekujoliswe kuzo ukuphumeza iimfuno.
Ukwenza iindlela zobuchule ukuphumeza iinjongo ngexesha elimisiweyo.
Ukufezwa kwemisebenzi neenkqubo ukuphumeza ezona zinto zisukelwayo ziyintloko.
Ukusebenzisa isixhobo sokubeka esweni ukulinganisela igalelo nomsebenzi.
I-WPLG ayicacisi kumba wenkqubo ye"mveliso" nakwimeko yemiqulu yocwangciso nophuhliso oluhlangeneyo:
Ngeli xa ingcamango enge-IDP ingekokwenza ucwangciso oluhlangeneyo noluntsonkothileyo, oomasipala abanako ukucwangcisa yonke into ngokweenkcukacha kunyaka wabo wokuqala. Kunoko, ii-IDP zifanele zixhobise oomasipala ukuba bakwazi ukubeka izinto eziphambili ngendlela enobuchule nengqalileyo ngemisetyenzana nemithombo. Umzamo wokuceba ontsonkothe kakhulu unokuzala ucwangciso olungekho ngqiqweni olingenamithombo yabantu neyemali ukuze luphunyezwe."
Umbuzo wokuba sifanele sintsonkothe kanjani isiphumo nokuba sifanele sibe neenkcukacha ezinjani iinkqubo zemveliso zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo usafuna impendulo.
IMSA ichaza iimfuno ezincinane ezingokwasemthethweni ngokuphathelele kwiziqulatho okanye "amalungu aphambili" e-IDP aquka (ngokobude amanyathelo acetyiswe yi-WPLG):
umbono (wangaphakathi nangaphandle);
amalungelo aphambili ophuhliso;
uphuhliso lweenjongo;
ubuchule obusebenzayo;
ucwangciso lokulawula intlekele;
ucwangciso lwemali (kuquka umsebenzi wohlahlo lwabiwo mali lweminyaka emi-3);
Uludwe lweziqulatho lubonisa ngokucacileyo ukuyila ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
Oomasipala abaninzi nabacebisi babo abacwangcisayo bakufumanisa kunzima ukumelana neendlela ezicela umngeni eziphathelele kwiimfuno ze-WPLG ne-MSA:
Abaninzi bakufumanise kunzima ukulungiselela inkqubo yothatho-nxaxheba lukawonke- wonke ngendlela efanelekileyo.
Omasipala abaninzi bachithe imali eninzi kwiindlela zokwenza izinto ezintsonkothileyo ezingenanjongo nezingahlolisiswanga ngendlela eyiyo (badla ngokukhokelwa ngendlela engeyiyo yimithetho yamaphondo ethi ibhale olo hlalutyo ngokweenkcukacha) nto leyo engeloncedo ekuqondeni imimandla ebalulekileyo.
Abacwangcisi abaninzi bakufumanise kunzima ukuhlobanisa iziphumo zohlalutyo lwedata okanye iimfuno zothatho- nxaxheba.
Akakho koomasipala okwaziyo ukujamelana neendlela zoyilo zophuhliso, ukwenza ukhetho lobuchule, ukubeka phambili izinto ngokwenkqubo yazo nokuphendula imibuzo yokuba kwenzeke NJANI.
Inkoliso yee-IDP ayinako ukwenza okwaneleyo ukukhokela ukusebenza ibe ikude kakhulu ukusebenzisa ngokunempumelelo isixhobo solawulo.
Izinto ezininzi ezilucelo mgeni bezintsha. Uqeqesho olufanelekileyo neenkqubo zenkxaso bezingekasetyenziswa. Incwadana yokufundisa ye-IDP , ethe yazama ukunceda oomasipala ukuba bajamelane nolucelo mngeni lweemeko ezintsha ngeenkcukacha zamanyathelo ngamanyathelo nezixhobo ngezixhobo ithe yantsonkotha kakhulu. Ithande ukukhuthaza iindlela zokwenza ezityhafisa inkqubo yengxoxo ephangaleleyo "kwimiba yokwenene" nezona ndlela zifanelekileyo neendlela zokujongana nazo.
Ngamafuphi: Inkoliso yomasipala nabacebisi babo ayikazifumani iindlela zokujamelana nocelomngeni olutsha zokuhlanganisa iindela zokwenza uthatho nxaxheba, ubuchule nokubusebenzisa kumsebenzi ocwangciswayo. Izikhokelo ezikhoyo azikwazanga ukuphendula ngendlela efanelekileyo imibuzo ebalulekileyo.
IMITHETHO-SISEKO YENDLELA YOKUCWANGCISA
I-IDP ifanele ibonise izidingo/iingxaki zamalungelo aphambili zikamasipala nabahlali bakhe.
Imithombo ekhoyo kufanele isetyenziselwe iinjongo zokufundisa.
Ucwangciso lufanele lube lolobuchule, oko kuthetha ukuthi kusekelwe kwinkqubo yokhetho lokwazisa nokwenza uphando ngezisombululo zokubala iindleko .
iv. I-IDP ifanele isebenzise indlela yophumezo, oko kukuthi ifanele ingqale kwimicimbi yohlahlo lwabiwo- mali, kwimicimbi yoshishino, kwizigqibo zolawulo lokusetyenziswa kwemihlaba, njl.
Ngamafuphi: Inkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ifanele ivule iqonga lengxoxo ukuchonga, ukuxoxa nokusombulula "imiba yokwenene" kumasipala (oko kunokuba yimiba enobuzaza kuye wonke umasipala, nakwimiba yoluntu okanye amaqela anebango)kwinqanaba lenkcukacha efuna izinto zokwenene enceda ekulawuleni inkqubo yokusebenza ngaphandle kokuchitha ixesha.
IZIKHOKELO EKUPHENDULENI UMBUZO OTHI KANJANI
Asingomsebenzi wocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ukunikela ngezikhokelo zeendlela zokuphendula yonke imibuzo ethi KANJANI ngokwenkcukacha. Oku kuza kwenziwa kwiNcwadana esisikhokelo yesi-3. Noko ke, kukho imibuzo esisiseko ephathelele kwiindlela ezinokuqwalasela njengemiba yemigaqo-nkqubo, nefuna ukuba kujongwane nayo kweli candelo.
Ucwangciso lukamasipala olunoomasipala abaninzi (abanokufikelela kubahlali abali-100 000 ngokomlinganiselo) alunakusekelwa kuthatho- nxaxheba olungqalileyo ngeentlanganiso zikawonke wonke, kodwa lufuna uthathho- nxaxheba olwakhiweyo ngamajelo eziko othatho-nxaxheba (bona icandelo 8).
Uhlalutyo
Oku akuthethi ukuqulunqa zonke iintlobo zedata. Kunoko lufanele lunikele ingqalelo kwimiba ephambili yokunceda ukucacisa oonobangela nemiba ebalulekileyo. Oku kufuna ukulungiswa kwemimiselo emininzi yamaphondo.
Uhlalutyo lwezinto ezifunyenweyo nokuchonga iingxaki/izidingo nemibandela ngothatho -nxaxheba
Ezi nkqubo zimele zazisane. Ingxoxo-mpikiswano yothatho-nxaxheba noluntu okanye abo banebango ifanele isekelwe kwizibakala nakumanani, ngeli xa imiba yamalungelo aphambili iphumela kwinkqubo yothatho -nxaxheba ifanele ibe ngumxholo oshushu oshukuxwayo.
Inkqubo yokufikelela ekufezekisweni kweenjongo neendlela zemiba ephambili ifanele ivumele kuxutyushwe inkqubo yokujongana nale miba. Ithetha inkqubo yokuxoxa ngezinye iindlela, kunikwa ingqalelo kwizikhokelo nakwisakhelo neemeko.
Ukuba iinkqubo zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo neemveliso zikukunceda ukukhawulezisa nokuphucula ukufezekiswa kwezithembiso, ukuba bayalwazisa uhlahlo-lwabiwo mali, amacebo ezoshishino, ulawulo lokusebenza kwemihlaba neenkqubo zokunxibelelana, zimele zibe nobuchule obaneleyo bokubala iindleko, oko kujoliswe kuko okuninzi nzigqibo ngeendawo. Oku kufuna izigqibo, umzekelo, umgangatho wobugcisa nokuyila. Umsebenzi wokucwangcisa wobugcisa umele ube kwinqanaba elililo, yinxalenye yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, ukuze bube yinxalenye yenkqubo kamasipala. Oku kusebenza kwi-IDP kumele :
kuquke uphuhliso lwemihlaba olubophelelayo isakhelo esaneleyo sokwenza isiseko sokukhawulezisa ulawulo lwezigqibo zokukhokela utyalomali kubatyali mali bakawonke wonke nababucala;
kuquke ukucetywa kwamaphulo aneenkcukacha ezaneleyo ukuvumela ukubonakala nokuhlalutya ngendlela efanelekileyo nokutsala iindlela yokuba nengxowa mali kumaziko ezemali;
kuquke nenkqubo yenyathelo lokukhulisa uqoqosho nokwandisa ingeniso ngenjongo yokumisela iimeko bume yamaziko anomtsalane ngenjongo yezoqoqosho;
kuquke okujoliswe kuko okucacileyo nokungqalileyo nokuboniswa njengesiseko sokubonakala ekuhleni nokuyimela into kwamabhunga engingqi nenkqubo yokusebenza kolawulo nokulungiselela umhlaba wenkonzo yobudlelwane kamasipala, kuquka ubudlelwane noluntu, kubandakanya uluntu nemibutho yabo banebango ekuyileni inkqubo yokwenza izigqibo zamaphulo asekuhlaleni.
ISAKHELO SOMGAQO- NKQUBO NESISEMTHETHWENI
Umgaqo-siseko ubeka ukuba ezinye zeenjongo zikamasipala imele "ibe kukukhuthaza ukubandakanyeka kwemibutho yoluntu kwimicimbi karhulumente wengingqi".
I-WPLG igxininisa ukuba umba wothatho-nxaxheba lukawonke wonke (kungekuphela nje kucwangciso lukamasipala). Ingena ngokweenkcukacha ngendlela yokuphumeza uthatho -nxaxheba lukawonke wonke nendima karhulumente amele ayidlale ukuqinisekisa ukuba abemi bayabandakanyeka ekuqulunqeni umgaqo- nkqubo nasekuyileni iinkqubo zikamasipala, nokusebenza nokubekwa esweni ngokuzivavanya ezi nkqubo. Uthatho- nxaxheba lukawonke- wonke luthetha ukukhulisa ulawulo lwabantu, idemokhrasi yengingqi. Ngeli xa iWPLG igxininisa ukuba oomasipala ngokwabo bafanele baphuhlise iindlela nobuchule bokuqinisekisa ngoluthatho nxaxheba, ezinye izinto ezibekiweyo zifana nezi:
amaqonga engxoxo alungelelanisiweyo (ngokukodwa kumbandela wombono okanye imiba yemigaqo- nkqubo, nemigaqo- nkqubo eyahlukeneyo);
ulwakhiwo lothatho nxaxheba lwabo banebango kwiikomiti zamabhunga kamasipala (ngokukodwa kwimiba yokwexeshana eyaziswa ziikomiti);
uthatho nxaxheba kuphando, lwamaqela aqwalasela (ukungena nzulu kwinkcazelo yemiba ekhethekileyo);
nokuqulunqa umbutho (ngokukodwa phakathi kwabantu abakwimimandla ehlelelekileyo).
Kukho izikhokelo ezibonisa la macebiso. Okokuqala, uthatho-nxaxheba lufanele lube kwimeko yolwakhiwo kunokuba lube kwiintlanganiso zasesidlangalaleni. Okwesibini, uthatho-nxaxheba lukawonke- wonke lufanele luqwalasele iinkqubo ezithile, nezingalinganiyo kwimiba yalo lonke ulawulo lukamasipala.
Urhulumente wengingqi akulindelekanga ukuba afumane iindlela zakhe zokwakha uthatho- nxaxheba, kodwa kulindeleke ukuba asebenze ekukhuthazeni nasekukhuliseni uthatho- nxaxheba, ngokukodwa xa kubhekiswa kuthatho-nxaxheba olubandakanya la maqela abantu abahlelelekileyo namabhinqa.
Ngeli xa iMSA ichaza umasipala njenge "qumrhu" ekwaqulethe kungekuphela nje "imibutho, imisebenzi nolawulo" kodwa "nebutho loluntu, abahlali nabahlawuli rhafu", iyazicacisa mhlophe iindima noxanduva "zemibutho ephetheyo" (eyenza umthetho owahlukileyo), nemibutho yoluntu, abahlali nabahlawuli rhafu.
Isahluko sothatho -nxaxheba seMSA sikhokelwa ngumthetho-siseko othi ngokusemthethweni urhulumente ufanele ukuba avumelane nenkqubo yolawulo lothatho -nxaxheba. Uthatho -nxaxheba kwiinkqubo zokwenza isigqibo zikamasipala sigqitywa luluntu olulungileyo, abahlali nabahlawuli zinkonzo. Ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lugxininiswa njengendawo ekhethekileyo yothatho-nxaxheba lukawonke- wonke.
Isigqibo ngeendlela ezifanelekileyo, iinkqubo nemigaqo yothabatho nxaxheba lukawonke wonke iyekelwe kakhulu kumasipala. Uthabatho- nxaxheba olubhaliweyo lwemigaqo efunyenweyo, eqhubekayo nokunikela ingqalelo yoxwebhu elityotyelweyo ngaba bakhalazayo nesaziso seentlanganiso zebhunga. Akukho migaqo ebhaliweyo yothatho nxaxheba kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Oomasipala bacelwa ukuba benze iimeko zothatho-nxaxheba lukawonke wonke kwaye , balukhuthaze. Isixhobo ekuphela kwaso esimisiweyo sukukhulisa uthatho-nxaxheba lukawonke wonke kukusasaza inkcazelo ngeendlela zemicimbi yothatho- nxaxheba lukawonke wonke, kumalungelo nemisebenzi yabahlali nemiba engolawulo lukamasipala ngokubanzi.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
Ukuyekela iindlela zokwenza ukuthabatha inxaxheba lukawonke- wonke kumasipala ngamnye kunokuphumela ekubeni:
kubekho iindlela ezahlukeneyo zedemokhrasi kwimeko enabameli abasemgangathweni bolawulo ngaphakathi elizweni;
kungabinaluncedo kubekho nokudideka kwelinye icala kwinkoliso yoomasipala, ekufumanisa kunzima ukugqiba ngeenkqubo ezifanelekileyo ngokwazo kwalela abahlali ilungelo lokuthabatha inxaxheba ngokukuphepha ukubeka iimfuneko ezincinane ezintlanu kuzo ezidandalazisa loo malungelo.
Iinkqubo ezininzi zothatho nxaxheba kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo lakutsha nje kwinqanaba lokuceba lalungiselelwa ngendlela eyayingasebenzisani nayo nayiphina imigaqo ebanzi eyandlalwe kwiWPLG nakwiMSA.
IMIGAQO YOKUTHABATHA INXAXHEBA KUKAWONKE WONKE
Amabhunga anyuliweyo enza isigqibo sokugqibela kwiqonga lengxoxo kwiiIDP. Indima yedemokhrasi yothatho-nxaxheba kukwazisa, ukuthethathethana nokugqabaza ngezigqibo, kwimeko yenkqubo yokucwangcisa/nokwenza izigqibo.
Uthatho nxaxheba lukawonke wonke lumele lulandele indlela ethile ukuqinisekisa ukuba bonke abahlali belizwe banamalungelo alinganayo okuthatha inxaxheba. Indlela ethile elandelwayo ngokuthi :
kubekwe iimfuno ezicacileyo ezincinane zemigaqo yothatho nxaxheba esebenza kubo bonke oomasipala ngemimiselo nangokunikela isakhelo esilungelelanisiweyo ngokusemthethweni.
Isakhiwo sothatho nxaxheba: Inkoliso yoomasipala inkulu kakhulu ngokomlinganiselo neendawo ukuvumela uthatho-nxaxheba olungqalileyo loninzi lwabahlali kwiinkqubo zocwangciso oluntsonkothileyo. Ngoko ke uthatho-nxaxheba kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, lufuna imithetho ecacileyo nemigaqo eyalatha ukuba ngubani oza kuba nenxaxheba okanye ngubani ekumele acebise, kwimeko yokuba kubani, yiphi imiba, ngeziphi iindlela zolungelelwaniso, ngawuphi umphumela.
iv. Intlobo ngeentlobo: Indlela elandelwayo yothatho-nxaxheba lukawonke wonke neyakhiwe ngayo imele inike indawo eyaneleyo yeentlobo ezahlukeneyo, oko kukuthi, kwindlela nganye namasiko. Ngoxa kukho imimiselo exhaphakileyo yendlela elandelwayo yothatho nxaxheba elizweni, imele ibe banzi ngokwaneleyo ukwenza ulungelelwano ngokwamaphondo noomasipala.
v. Ukukhulisa uthatho nxaxheba lukawonke wonke ngurhulumente kamasipala umele wenze umahluko phakathi :
kokudala iimeko zothatho nxaxheba lukawonke wonke, ekuthetha ukuthi lumele lubekho kubo bonke oomasipala (ngokuvumelana neMSA), kokukhuthaza uthatho-nxaxheba lukawonke wonke, olufanele lwenziwe ngokukhethekileyo ngokuphathelele amaqela abo bahlelelekileyo nabaqhathwayo nokulingana ngokwesini ngokweemeko nobukhulu bukamasipala.
4 IMISEBENZI NEMEKO YOTHATHO NXAXHEBA KWINKQUBO YOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Inkqubo yokuthabatha inxaxheba kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kukuphela kwayo kumanqanaba othatho nxaxheba olusondeleyo phakathi korhulumente wengingqi nabemi. Ezinye iindlela zokuqinisekisa uthatho nxaxheba lukarhulumente wengingqi kukuba:
anike abantu ukukhetha phakathi kweenkonzo;
abemi okanye ukufundisa abathengi ngendlela yenkonzo yokufezekiswa kwezithembiso
Ubudlelwane phakathi koluntu /abo banebango imibutho negunya lengingqi ekusebenzeni kwemisebenzi;
nokunika abahlali amalungelo okutyibela umqulu wezidingo nokudlulisela izikhalazo nokunyanzelisa urhulumente kamasipala ukuba aphendule.
Uthatho- nxaxheba ekuphuhliseni ii-IDP zikamasipala luye lwabonakala kule meko ibanzi. Yenzelwe ukuzalisa imisebenzi emine eziintloko:
Ukufundiswa ngeemfuno ukuqinisekisa iimfuno zabantu neengxaki zinikelwa ingqalelo.
Ukuchanwa kwezisombululo: ukusebenzisa ulwazi namava abahlali bengingqi noluntu ukuze kufikelelwe ekuchaneni nasekuzinziseni izisombululo zengxaki nemilinganiselo.
Ukuba ngumnini : ukukhuthaza abahlali bengingqi' noluntu' ubuncwane, nokukhuthaza ukubambisana nobudlelane phakathi korhulumente kamasipala nabahlali ngokwenza umsebenzi nokulungisa.
iv. Ukunika amandla: Ukwenza ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo isiganeko sikawonke wonke neqonga lengxoxo lokuthethathethana ngezinto ezibangela umdla, ukufumana ukulalanisa nezinto enivisisana ngazo, nokudala udandalaziso lasekuhleni nokuphenduliswa kukarhulumente wengingqi kubahlali bengingqi.
Le misebenzi ifanele ngalo lonke ixesha ibe nempembelelo kwimigaqo efanelekileyo nakwiindlela zothatho- nxaxheba.
Ulwakhiwo lothatho nxaxheba lusekelwe kulungelelwaniso olukhoyo lwamalungelo kwinkqubo yocwangciso. Noxa amalungiselelo olungelelwaniso anokwahluka kakhulu ngokweenkcukacha kwiindawo ngeendawo, ezi mfuno zincinane zilandelayo zimele zimiselwe.
Iikomiti Zokuhlanganisa zisisakhelo solungelelwaniso loluntu ngokwemimandla yemihlaba banokuba nenxaxheba kwinkqubo yokucwangcisa.
Imibutho yabo banebango emela iimfuno zezentlalo, ezoqoqosho, ubuni okanye umdla kwindalo imele ibhalise "njengemibutho yabanebango" (kwizinga likamasipala) apho banokuba nenxaxheba kwinkqubo yokucwangcisa.
v. Iikomiti ze-IDP nobugcisa babo, umsebenzi/izinto eziphathelele inkqubo iikomiti ezincinane okanye amaqela omsebenzi zisenokuquka abameli abasuka kwiikomiti zokuhlanganisa lowo umbutho wabo banebango okaney abantu abanobuncwane abasuka kwibutho loluntu ukuba umasipala ukubona oko kufanelekile. Abo bameli banokuba ngabasisigxina amalungu eekomiti ezincinane okanyelwe imiba esekelwe kwizinto zokwexeshana.
I-MSA ifuna ukuba oomasipala basasaze inkcazelo ngeenkqubo nangeendlela ngemicimbi exhalabisayo. Ukuguqula le mfuno ngokubanzi kwinkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kuthetha ukuthi umasipala ngamnye umele alandele ukuncinane imigaqo elandelayo.
Abahlali bafanele baziswe ngenkqubo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo xa lulonke, kwaye nangeziganeko ezibalulekileyo zikawonke wonke eziphathelele lule nkqubo ngokuthi :
kwaziswe uwonke wonke (ngeziko losasazo ukugqiba "ngokucwangcisa umsebenzi");
Amabhunga amele enze iikomiti kwindawo zokuhlanganisana ngokwezinga lentlanganiso kawonke wonke.
Abameli beqonga lengxoxo le-IDP bamele babandakanywe ubuncinane nokuba kukanye kwizinga lenkqubo yokuyila.
iv. Uluntu nabo banebango bafanele banikwe ixesha elaneleyo (iveki ezi-2 ukuya kwezi-4) ukuqhuba iintlanganiso okanye imisebenzi yokufundisa namaqela, uluntu okanye imibutho abayimelayo, ngaphandle kokuba umba kuqhutywane nawo ngabaMeli beqonga lengxoxo le-IDP. Oku kukunika ithuba elaneleyo abameli abasemthethweni kuthatho nxaxheba, kodwa akuthethi ukuthi kubandakanya oorhulumente bakamasipala kuluntu okanye kwizinga labo banebango nemisebenzi yokufundisa.
v. Amaxwebhu ocwangciso oluyilwayo amele afumaneke kuye wonke umhlali, kwaye wonke umntu unelungelo lokungenisa amagqabaza abhaliweyo. Kumele kubekho ixesha emiselweyo ubuncinane iiveki ezine ukuba iikomiti ezihlanganisayo, imibutho yabo banebango namaqela anomdla nabahlali ukuba baxubushe esidlangalaleni uyilo lomqulu, kwaye bagqabaze ngabaMeli beqonga lengxoxo be-IDP abaqhubana nolo yilo.
vi. Ikomiti ye-IDP imele imisele iikomiti zokuhlanganisa nemibutho yabo banebango ngendlela amagqabaza aqwalaselwa ngayo, okanye izizathu ezaye zaqwalaselwa ngabaMeli beqonga lengxoxo be-IDP, ngaphambi kokuba uyilo kudluliselwe kwibhunga ukuba lwamkelwe.
vii. Iintlanganiso zebhunga zokwamkela ucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo kumele ibe zintlanganiso zesidlangalala.
Urhulumente kamasiphala ngekomiti ye-IDP namabhunga ayo, ufanele asebenzise zonke iindlela ezifanelekileyo, ngaphezu koko asebenzise iimeko ezinyanzelekileyo, ukukhuthaza uthatho nxaxheba lukawonke wonke. Njengoko iya kuba ngumzabalazo koomasipala abaninzi uknikela iimeko, nokuqinisekisa ukubandakanyeka kwabo badlala indima ephambili kumasipala karhulumente njengoko uthatho nxaxheba kulilungelo kodwa kungengomsebenzi wabahlali, amandla okukhuthaza uthatho nxaxheba lukawonke wonke kwizinga loluntu lisikelwe umda kwiindawo ezininzi.
Ukukhuthaza kakuhle kufanele kuqwalasele amaqela ezentlalo angalungelelaniswanga kakuhle angenamandla okuthetha esidlangalaleni. Oku kusenokuthetha amaqela athwaxwa yindlala, okanye amabhinqa, okanye amaqela eminyaka ethile (ulutsha, iinkedama, abantu abalupheleyo). Umasipala ufanele achonge amaqela neendlela ezifanelekileyo zokuqinisekisa ukumelwa kwawo kubaMeli beqonga lengxoxo be-IDP.
Uthatho nxaxheba lukawonke wonke alulingani kwaye alufanelekanga kuwo onke amanqanaba okucwangciswa, asiyiyo yonke imigaqo elinganayo efanele inyathelo ngalinye elicwangciswayo. Ukusikela umda iindleko zothatho nxaxheba, ukuphepha ukudinwa luthabatho nxaxheba, nokuba nethemba kwigalelo lothabatho nxaxheba, iindlela zothabatho nxaxheba ziya kwahluka ngokwamanqaba. Ezi zikhokelo zilandelayo zinokunceda oomasipala ukuba bagqibe ngezixhobo esifanelekileyo kwinyathelo elifanelekileyo:
Inqanaba locwangciso
Uhlalutyo
Intlanganiso yoluntu nabo banebango
Uhlolo (ingxaki nobalo bantu, njl)
Uhlolo lwezimvo
Ubuchule
Kwizinga lesithili imisebenzi efundisayo yeekomiti ze-IDP, ezinabameli becandelo lamasebe nabameli abakhethiweyo babo banebango imibutho nemithombo yabantu.
ngokuyinxenye kwizinga lesithili
Ukucwangciswa kwamaphulo a Amaphulo/iinkqubo zikamasipala ngokubanzi b Amaphulo engingqi kwizinga loluntu
Iikomiti ezincinane zobugcisa nabameli abambalwa abanyuliweyo babo banebango kwimibutho/ nakwibutho loluntu
Iingxoxo-mpikiswano phakathi kweekomiti ezincinane noluntu oluchaphazelekayo/nabo banebango
Uhlanganiso
Ngabameli beqonga lengxoxo le-IDP
Ukuvunywa
Ingxoxo ebanzi kawonke wonke/unkqubo yabacebisi nalo lonke uluntu/nemibutho yabo banebango
Amathuba amagqabantshintshi avela kubahlali
Ukubekwa esweni kophumezo
Ngabameli beqonga lengxoxo le-IDP
Izinga eliphakamileyo: Ukubandakanyeka koluntu, abo banebango, abahlali, abasebenzisi namaqabane.
Izinga eliphantsi: Iikomiti ezincinane zobungcali nabameli abanyuliweyo kuwonke wonke.
IMIXOKELELWANO YOKUXHASA IZICWANGCISO ZIKAMASIPALA
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO- NKQUBO NESISEMTHETHWENI
Kukho iindima ezahlulayo ezicacileyo noxanduva apho amanqanaba karhulumente athi abe nazo, anelungelo lazo, njengenxalenye yenkqubo yokusebenzisana karhulumente eyabela uxanduva, neendima zikarhulumente kazwelonke nowamaphondo kurhulumente wengingqi, efanele incede urhulumente wasekuhlaleni ukuba azalise iimisebenzi yakhe ngendlela efanelekileyo. Ngeli xa esabela uxanduva ngenkqubo yolawulo yokusebenzisana yethuba elide, iuxanduva oluxhasayo isenokuba lolwexeshana.
NgokoMgaqo-siseko, urhulumente kazwelonke nowamaphondo bamele baxhase baze bomeleze iindawo zoomasipala ukuba bakwazi ukulawula imicimbi yabo, ukusebenzisa amandla abo nokwenza imisebenzi yabo.
IWPLG ibhekisa kwimvume yomgaqo-siseko nokuchaza ngokuthe ngqo iindima zorhulumente kazwelonke nowamaphondo. Ngeli xa urhulumente kazwelonke efanele amisele isakhelo somsebenzi wonke wokwakha kamasipala nenkxaso, urhulumente wamaphondo ufanele anike isakhelo sokwakha iphondo, ejonga iimfuno ezahlukeneyo zoomasipala, nokuqinisekisa ukuba ulwakhiwo luyenzeka. Uqeqesho lwamaPhondo lufanele lumiselwe. Ukunika uncedo kwii-IDP zikamasipala kuyeminye yemisebenzi ekhankanyiweyo kwi-WPLG. Oorhulumente bezithili kulindeleke ukuba bazalise indima yokunikaluncedo olufunekayo lwenkqubo efanelekileyo yolwakhiwo loomasipala. Oku kubhekisa, kwezinye iindawo, kwinkxaso yobuchwepheshe kummandla wocwangciso.
I-MSA ibhekisa kuphela kwinkxaso yendima yephondo kucwangciso lophuhliso oluhlangeneyo, ngaphandle kokunikela iinkcukacha ezingakumbi.
Onke amanqanaba karhulumente kulindeleke ukuba athwale uxanduva lokuxhasa ulwakhiwo loomasipala bengingqi. Ngeli xa indima karhulumente wengingqi ikukunikela inkxaso yesakhelo, amaphondo nesizithili kulindeleke ukuba abandakanyeke ngokungqalileyo kulwakhiwo. Ukwahlulwahlulwa kwendima yenkxaso phakathi kwamaphondo nezithili akunatyiswanga ngokubhekele phaya.
Imixokelelwano yokuxhasa
Isakhelo esikhoyo somgaqo- nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imithetho-siseko yomxokelelwano wenkxaso yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo
Izikhokelo ngeendima noxanduva
Amava xa kunamhlanje
Inkqubo yenkxaso ekhoyo yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo ayivisisani neemvungo zenkxaso zawo onke amadidi amancinane anguB oomasipala angenakukwazi ukuzakhela izicwangciso ezikwizinga elifanelekileyo ngokwawo. Enokuba yinkxaso yesizwe (njengokunikela ngezikhokelo nencwadana yokufundisa) nenkxaso yamaphondo (njengokunikela imithetho nokulungiselela uqeqesho nokwenza imisebenzi efundisayo, nokunikela ukhokelo olulungiselelweyo) ukuzalisa isithuba sokuqeqesha nobuchule bokufundisa kwinqanaba lengingqi. Kwenziwa impazamo kucingwa ukuba abaphathi bakamasipala banako ukuzenzela umsebenzi wokunikela ngencwadana yokufundisa nesifundo esifutshane sentshayelelo. Noko ke, abaphathi bakamasipala, abanalo ixesha lokwenza loo nto kwaye abanayo nemvelaphi yokuqeqeshelwa ukwenza loo misebenzi yokuceba iinyanga eziliqela. Ngoko ke inkxaso yesithuba yaba kukuba izaliswe ngabacebisi. Esi yaba sisombululo esifanelekileyo kwimeko ezininzi ngenxa yezizathu ezimbini:
Abacebisi abacwangcisayo babesidla ngokusebenzisa indlela yemveliso kunokuba basebenzise inkxaso nolwakhiwo. Ukongezelela koko, inkoliso yoomasipala abathi umsebenzi wocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo bawunika abacebisi bafuna umqulu ekugqibeleni baye bakufanelekele ukwamkeleka ku-MEC, ngalo ndlela bezalisa imfuno engokwasemthethweni.
Inkoliso yabacebisi abacebayo babengabasebenzi abakhethekileyo abacebela idolophu. Babengaqhelananga namabinzana athi ucwangciso lothatho nxaxheba, okanye ubuchule nocwangciso lomsebenzi. Inxaso ibidla ngokubi yefanelekileyo yeemfuneko ezintsha zocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo.
Ayikho kwezintlobo zikhoyo zenkxaso enabenzeli abanokuthabatha indima yokunikela iindlela zezikhokelo kubaphathi bakamasipala ebudeni benkqubo yokuceba nokuyila.
IMITHETHO-SISEKO YOMXOKELELWANO WENKXASO YOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Amalungu amabini okuceba nolawulo lwenkqubo yokuxhasa urhulumente wengingqi amele ngawahlukileyo:
Imigaqo-siseko nenkxaso kawonke wonke njengezemali, imigaqo nkqubo ekhokelayo, inkcazelo ezihlobeneyo nomgaqo nkqubo, ukubeka esweni nokubamba iintambo. Olu hlobo le nkxaso lumele lunikelwe kusengaphambili, lufundiswe yimibutho enikela ezo nkonzo ngokukhethekileyo.
Iinkonzo ezisemgangathweni njengeendlela zokukhokela, ukufundisa, ukwenza imiqulu, ukuhlola, nezifundo zohlalutyo, njl. Ezi nkonzo zinokunikelwa ngabo banikela ngeenkonzo babucala nabasesidlangalaleni, kuxhobekeka ekufanelekeni kweenkonzo ezo. Zifanele zinikelwe xa zifuneka ngokusisiseko.
Ngokuphathelele ixesha kubalulekile ukwahlula phakathi kwenkxaso yokwexeshana nesisigxina;
Inkxaso yokwexeshana idla ngokuxhaswa. Imele ukuba ikwazi ukunceda abasebenzi bakwazi ukuphumeza iindima zabo namaxanduva avumelana neemfuno ezintsha.
Inkxaso esisigxina idla ngokuba lilungiselelo leenkonzo apho iqumrhu elilawulayo elithwala elo xanduva ngokwezopolitiko apho lingenako ukuzenzela ngokwalo, ngenxa yokunqongophala kwemali ekwizinga elifanelekileyo nokufundela imisebenzi ekhethekileyo.
Inkxaso esemgangathweni ifanele ilawulwe ngoomasipala. Ayifanelanga ukuthabatha uxanduva lolawulo lukamasipala. Kanye njenoguba umlawuli kamasipala engenako ukuthabatha umsebenzi wokucwangcisa (kodwa kulindeleke ukuba alawule abacwangcisi), abacebe abafanelanga bavunyelwe ukuba benze umsebenzi womphathi we-IDP.
iv. Umgaqo wenkampani enesiqingatha esiphethwe yenye inkampani: Iinkqubo zokuxhasa zifanele zisondele kakhulu kangangoko kwinqanam lengingqi. Nayiphi na into ifanele ngokwezinga elifanelekileyo ephantsi ibe phantsi kanti ephakamileyo iphakame. Into eyenziwe ngabo bebenikela olo hlobo luthile le nkonzo imele yenziwe kwangabo kungamiselwa izinto ezintsha. Uxanduva leenkqubo zokuxhasa zikamasipala zifanele zibe kwinqanam lengingqi. Iinkqubo ezintsha zifanele zimiselwe kuphela ukuzalisa izithuba, zingathabatheli indawo inkxaso eqhubekayo
Imixokelelwano yokuxhasa
Isakhelo esikhoyo somgaqo- nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imithetho-siseko yomxokelelwano wenkxaso yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo
Izikhokelo ngeendima noxanduva
IZIKHOKELO NGEENDIMA NOXANDUVA KUMXOKELELWANO WENKXASO NOCWANGCISO LOPHUHLISO OLUHLANGENEYO
Indima karhulumente kazwelonke ekuxhaseni ucwangciso lukamasipala kukuthi(ngaphandle nje kwendima yokwenza isakhelo esingokwasemthethweni nemigaqo nkqubo ekhokelayo nemigaqo);
ukunikela izixhobo zokuceba okanye iindlela;
ukuxhasa ukusekelwa ngokubanzi kwesakhelo seenkqubo zokuqeqesha nokwenza uphuhliso kwisicwangciso sifundo;
ukunikela kwiindleko zokuceba;
ukunceda isizwe ngokubanzi ekumiseleni inkqubo yokuxhasa;
ukubeka esweni inkqubo yokuceba nendlela esebenza ngayo; no kunikela amathuba okunonisana ngeengcamango nangamava,
Indima yokuxhasa (ngaphandle kweendima zenkqubo yokuceba) kukarhulumente wamaphondo kuku:
nikela ngemigaqo ekhokelayo kwinkqubo yokucwangcisa;
ukunika kwiindleko zokucwangcisa;
ukulungiselela iindela zonxibelelwano zokufunda phakathi koomasipala;
ukuqinisekisa ngokuvumeleka kweenkqubo zoqeqesho;
nokubeka esweni inkqubo yokucwangcisa nokusebenza kwayo.
Amabhunga ezithili amele axhase oomasipala beengingqi ngomkhamo owaneleyo wokucwangcisa ngokuthi:
unikele inkcazelo efanelekileyo yokucwangcisa nolawulo;
ukunikela iindlela zezikhokelo koomasipala ebedeni benkqubo yokucwangcisa (umz. iimisebenzi yokufundisa ehlangeneyo yomasipala bengingqi kwimeko ezibaluleke kakhulu zamalungu ocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo);
ukuqeqesha amagosa engingqi kamasipala namabhunga ukulawula inkqubo "ngendlela yokufunda ngokwenza".
ukuhlanganisa oomasipala ngeenkonzo ezifanelekileyo, inkcazelo noqeqesho no kunikela amathuba okwabelana ngeengcamango namava ngokwenza amanyathelo athile okuceba ngemisebenzi ehlangeneyo yokufundisa.
iv. Amacandelo abucala (abacebisi, neNGOs) anokusetyenziswa kuzo zonke iinkonzo zokuceba ezingazichaphazeliyo iimbopheleleko zabaphathi amagunya asekuhlaleni nafuna ubuchule obukhethekiley nanokuthunyelwa kwabanye abasebenzi ngokulula:
I-NGOs zinokusetyenziswa ngokukhethekileyo ukunceda uluntu nabo bahlelekileyo, amaqela angalungelelananga ukuba abandakanyeke kule nkqubo ngokumisela abameli beenkqubo neendlela ezithile.
Abacebisi babucala banokusetyenziswa, ngokukhethekileyo, ukuba namagalelo kwiimveliso ezithile (umz. izifundo zobuchwepheshe, ukuhlola, ukuhlola indalo, umfanekiso welizwe neGIS).
Imixokelelwano yokuxhasa
Isakhelo esikhoyo somgaqo- nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Imithetho-siseko yomxokelelwano wenkxaso yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo
Izikhokelo ngeendima noxanduva
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO- NKQUBO NESISEMTHETHWENI
I-MSA ifuna ukuba kungeniswe ikopi ye-IDP, efanele yamkelwe libhunga likamasipala, kwi-MEC yorhulumente wengingqi. Ukuba i-IDP ayihambisani neemfuno ezingokwasemthethweni zocwangciso okanye ubuchule babanye oomasipala okanye amanqanam karhulumente, iMEC inokufuna ukuba lilungiswe olo cwangciso. Ukuba umasipala akavumelani noko iMEC inokwanyula ikomiti ukuba iqhubane neemeko ezilolo hlobo. Yile komiti ke eyakuthi inyanzelise olo lungiso, umasipala yena ufanele enze uhlengahlengiso kwi-IDP.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
Inkqubo yorhulumente abahlukeneyo ngokuphathelele indima ebalulekileyo karhulumente kazwelonke nowamaphondo ekusebenziseni i-IDP kufuneka abameli abafanelekile bakarhulumente kazwelonke nowamaphondo ukuba babandakanyeke ekuhloleni nasekwamkeleni iinjongo zolungelelwano lwe-IDP. Noko ke, kusekude kakhulu ukuba kucace ukuba iya kuba ngubani kanye ofanele u kubandakanyeka kuloo nkqubo nokuba nohlobo eza kuhlolwa ngalo i-IDP. Izikhokelo ezicacileyo zokwamkela nemigaqo ziyafuneka ukuze lo msebenzi ubenentsingiselo.
Isakhelo esikhoyo somgaqo- nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Izikhokelo zenkqubo yohlolo/yokuvunywa
IZIKHOKELO ZENKQUBO YOHLOLO/YOKUVUNYWA
I-IDPs zimele zivunywe ngamabhunga kamasipala kuphela.
Amabhunga ezithili kufuneka aqiniseke ngolungelelwano locwangciso lwasekuhlaleni aze acamngce ngenkqubo yokuphumeza oko nolungelelwano phakathi kwezicwangciso zengingqi.
Ukuqinisekisa ukusebenza kolwalamano loorhulumente abahlukeneyo (njengoko kwandlalwe kwiSahluko 4), ukuba negalelo ekuhambeni ngokutyibilikayo nangokuthe nkqo kweendlela zolungelelwaniso, ii-IDP zifanele zingeniswe kwiiMEC zamaphondo ukuba urhulumente ahlole ingxelo ebuyiswayo ngokuvumelana neMSA.
iv. Uhlolo lwamaphondo nenkqubo yokunikela ingxelo ifanele yenziwe ngokuvisisana nezi ndlela zizintloko:
ngokuvumelana neemfuno ezingokwasemthethweni;
ukuxhoma umgangatho nenkqubo yokuceba nokusebenza kwemiqulu yocwangciso lophuhliso oluhlangeneyo njengesixhobo;
ukunika ingxelo ebonakalayo nokucetywa kwemisebenzi; no kuvisisanisa izicwangciso ukuxwesa imida yezithili nolungelelwano locwangciso lamacandelo/amasebebe ngokweendlela zamalungelo aphambili.
v. U-MEC karhulumente wengingqi ufanele amisele ikomiti ngokuvumelana nolungelelwano lwe-IDP eyenziwa ngabameli bamaphondo, bakazwelonke norhulumente wengingqi ukuba benze amagqabantshintshi baze baxoxe ngemibandela ephathelele kwiindlela ezibonakalayo nezilungileyo zamaphulo nokuvisisana nolungelelwano.
ISAKHELO ESIKHOYO SOMGAQO- NKQUBO NESISEMTHETHWENI
yazise lonke ucwangciso nophuhliso, nazo zonke izigqibo eziphathelele kucwangciso nopuhliso, kumasipala;
ibophelele bonke abantu (ngaphandle kwakwimeko apho kubekho ukungalungelelani kwimithetho kazwelonke neyamaphondo);
Kucacile ke ngoko ukuba iMSB ifuna ukwenza i-IDPs zibe sesona sixhobo siyincwadi yesikhokelo kuwo onke amanyathelo ebhunga likamasipala.
AMAVA XA KUNAMHLANJE
Injongo yeMSA yokunika ii-IDP izinyo elibukhali kunzima ukuyisebenzisa. Amalungu amaninzi ezicwangciso akachananga ncam koko kubophelelayo; amanye afuna ukulungiswa ngokweemeko ezitshintshayo; (umz. Uhlahlo lwabiwo- mali, amathuba amatsha) abophelele ngengqiqo yesemthethweni. Ezinye izinto ezingqalileyo nokuguqulelwa kwazo kufuna ukuvumela ii-IDP zibe nemiphumela ngakumbi.
Iwonga lasemthethweni sakhelo esikhoyo somgaqo- nkqubo nesisemthethweni
Amava xa kunamhlanje
Ii-IDP zikhokela ngemigaqo, izakhelo ezikhombisayo zazo zonke iinkqubo ezikumasipala, kuquka nezinto ezingqalileyo ezinjengezi:
uhlahlo lwabiwo- mali lukamasipala nezicwangciso zamashishini;-
amacandelo/amasebe ohlahlo lwabiwo- mali ezalayo;
izigqibo zolawulo lwemihlaba nophuhliso lwemilinganiselo yezoqoqosho.
Isakhelo sophuhliso lwesituba, kunye ne-IDP, siya kuba ngumqulu obophelelayo kuzo zonke izigqibo zolawulo ngokocwangciso lwasemthethweni olubophelelayo lwezithuba.
Igama
Isikhundla
Umphathi:
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Ilungu leqela lokusebenza
Umphathi
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Mntla Ntshona
Mntla Koloni
Iphondo loMntla
Mpumalanga
Ntshona Koloni
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
DLA
Ifowuni
Ifeksi
Igama
Isikhundla
Umphathi
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ilungu leqela lokusebenza
Ifowuni
Ifeksi
EZINYE IINKQUBO ZESEBE LIKARHULUMENTE WEPHONDO NOWENGINGQI
Igama
Inkqubo
Isicwangciso sezeNtlalo
Ifowuni
Ifeksi
